‘Ngamampunge lawo’ – uCeba

U-Ceba ka wadi 86 eLwandle, uXolani Diniso, ulumkisa uluntu lwale ngingqi ngabantu abathengisa ngomhlaba besebenzisa igama lakhe gwenxa.


U-Ceba ka wadi 86 eLwandle, uXolani Diniso, ulumkisa uluntu lwale ngingqi ngabantu abathengisa ngomhlaba besebenzisa igama lakhe gwenxa.

OkaDiniso uthi akanabango kwaye engenawo namagunya okuthengisa umhlaba, kwaye akukho nawuphi na uceba onegunya lokwenza oko.

Oku kuza emva kokulunywa indlebe ngabahlali baseGreenfield, eLwandle.

Aba bahlali bathe bakhwebela le nkokheli bucala ngelokusabela amarhe okuba uhambisana neqela labantu abathengisa umhlaba ngama R2 500 kule ngingqi.

U-Diniso uthi lo mhlaba kuthiwa uyathengiswa umi cebu kuhle nendlela i-Onverwacht. “Xa bendibizwa ngabahlali baseGreenfield kwiveki ephelileyo ndiye ndasabela. Baye bandixelela ukuba kukho abantu abathi basebenza nam ukuthengisa lo mhlaba nento endiyikhaba ngawo omane. Ngamampunge lawo!,” utshilo uDiniso.

“Andifuni kwanto endidibanisa nezishinqi ezinje, ngoba ndinguceba andinawo amandla okwenza into enjalo. Ndifuna ukulumkisa uluntu lwakuthi luqaphele kakhulu ngoba andigunyazisanga lonto kwaye ndingenagunya lokwenza lonto,” utyatyadule watsho uDiniso.

Uqhube wathi akukacaci ukuba ngoobani abenzi bobubi, kodwa ebengekavulityala ngokusesikweni.

“Lento itsalela igama lam eludakeni, kwaye iyaligqwalisa. Endikufunayo ngoku kukwazi nje aba bantu ukuze ndivule ityala umthetho udlale indima yawo,” utshilo uDiniso.

U-Diniso uthi aba bantu bayayazi ukuba abantu bafuna iindawo zokuhlala, ngelixa abanye bediniwe kukuba ngogobityholo kodwa le ayiyiyo indlela yokwenza izinto.

U-Sgt Mthokozisi Gama, isithethi samapolisa eLwandle, uthe akuvulwanga tyala.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.