Oomama beemvaba bacela oPhezulu ukuba angenelele

Amabandla ngamabandla ebephumile kwingingqi yaseLwandle neziphaluka eyokuthandazela ukwehla kweziganeko zempalalogazi, ukudlwengulwa kunye nokuxhatshazwa kweziyobisi ngoMgqibelo umhla we 12 kweyeSilimela.


Amabandla ngamabandla ebephumile kwingingqi yaseLwandle neziphaluka eyokuthandazela ukwehla kweziganeko zempalalogazi, ukudlwengulwa kunye nokuxhatshazwa kweziyobisi ngoMgqibelo umhla we 12 kweyeSilimela.

Lamabandla athi aye adibana ezokucela uThixo angenelele kule ngqingqi nanjengoko iziganeko zeempalalogazi zithande ukuxhaphaka.

Lo mthandazo uqale kwisikhululo samapolisa eLwandle, wenjenjeya ukuya kwisikhululo sezithuthi zikawonke-wonke wayakuphelela kwiholo loluntu lwaseLwandle.

Abaququzeleli balo mthandazo bathi kunintsi okuchaphazele le ngingqi ukususela mhla ingongqongqo lesifo iKhorona lathi lahlasela eli lo Mzantsi Afrika.

U-Thembeka Soldat, onguNobhala kaZwelonke wamabandla omama, uthi bebemcenga uThixo angenelele, kwaye unethemba ubavile.

“Kuninzi okwenzekayo kule ngingqi, kwaye sigqibe ekubeni sicele uThixo angenelele ukuze kubekho ukudamba kuko konke okwenzekayo ekuhlaleni kwethu. Saye sahlala sagqiba ekubeni sibhalele iinkonzo ezikulengingqi siphakamisa lo mbono, kwaye zawuxhasa kakhulu lombono nazo zabayinxalenye yalo mthandazo,” utshilo uSoldat.

U-Soldat ukhankanye phakathi kwee nkonzo ezithe zathabatha inxaxheba kulo msitho iWisilie, iRhabe, iZiyoni kunye ne St Johns.

“Sinethemba lokuba uThixo usivile ebesikhala ngako kangangefuthe besinalo kulamthandazo.

“Sifuna kuphele le mpalalogazi ingaka, ukudlwengulwa kwakunye nokuxhatshazwa kweziyobisi kule ngingqi,” utshilo uSoldat.

U-Nokwanda Ketelo, ophuma kwiCawa iWisile, uthi emva kokubona ubondlobongela obuphezulu kule ngingqi baqonde ukuba mabakhe baphakame bengoomama bangenelele.

“Noko ulwaphulomthetho lwalungenje kule ngiqngi yaseLwandle yilonto sigqibe ekubeni sibe nalo mthandazo. Sinethemba ngokungenelela kwethu uThixo uyakusiva isikhalo sethu asincede nakubantwana aboyeleyo kwiziyobisi,” utshilo uKetelo.

U-Sajini Thembekazi Maqekeni, nobemele isikhululo samapolisa aseLwandle, uhambise wathi kubaluleke kakhulu ukuba bengamapolisa ale ngingqi babeyinxalenye yezinto ezifana nezi.

“Sisipolisa siyasebenzisana nokuhlala kwethu, kwaye lo mthandazo yenye yezinto bekubalekile ukuba sibeyinxalenye yazo. Sikwanethemba ukuba ukusebenzisana sisonke nokuhlala kwakuza nawo umehluko ukulwa nokugwenxa ekuhlaleni kwethu,” utshilo uMaqekeni.

.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.