OoMpinga benza umanyano

Bebephume ngobuninzi babo ooMpinga kweli leNtshona Koloni ngethuba le ntlanganiso yabo kwiholo yoluntu i-Resource Centre eKhayelitsha, ngoMgqibelo umhla we 12 kweyoKwindla.


Bebephume ngobuninzi babo ooMpinga kweli leNtshona Koloni ngethuba le ntlanganiso yabo kwiholo yoluntu i-Resource Centre eKhayelitsha, ngoMgqibelo umhla we 12 kweyoKwindla.

Ngokwengxelo, le ndibano ibijoliswe ekwakheni ubumbano kule ndlu, ukanti ibizinyaswe ngabantu abatsha kunye nabadala.

Isithethi sooMpinga eNtshona Koloni uMzamo Layiti uthe bathe badibana ngenjongo zokufuna ubumbano bekwafuna ukwazi nemvelaphi yabo.

“Sithe sadibana silelonani labantu nanjengoko besinemiqweno yokwazana sibumbane ngoba sibaninzi kwaye besingazani. Besimane sidibana nalapho siye safumanisa ukuba eMpuma Koloni seyikhona into efana nale. Saze samema undlunkulu ukuze abenathi ukuze sakhane senze into enye,” utshilo uLayiti.

U-Layiti uthe kubaluleke kakhulu kubo ukugcina amasiko kunye nezithethe zabo ukuze nezizukulwana ezizayo zingaphulukani nazo.

“Ngelinye ixesha ungathi izinto azikuhambeli ngendlela kanti kukho apho uphazama khona. Ngolu bumbano looMpinga sifuna ukukhusela isiko lethu, kwaye sazi senza into enye sisonke. Kunamhlanje nje buninzi ubungwenxa esibubonayo, esingayaziyo noba abenziwa kukutyeshela kokwenza izinto na,” utyatyadule watsho uLayiti.

U-Gqirha Loyiso Mawawa Nqevu, nodume kakhulu ngolwazi lwakhe kweziphatheleni namasiko nezithethe, uthe wayinxalenye yalo msitho.

Ukanti uthe wabelana nabathunywa ngemvelaphi yooMpinga.

OkaNqevu uthe wakhuthaza ooMpinga ukuba baziphathe kakuhle, ukuze lihlale igama labo libabazwa ngezinto ezintle zodwa.

Ukanti ooMpinga abalapha eKapa bathi baqala ukudiba kunyaka ka2020 emva kokuqaphela ukuba baninzi kwaye abazani.

Usihlalo wamaMpinga kuZwelonke uGqirha Mthandiwesizwe Noqamza uthe olu manyano lwamaMpinga lubaluleke kakhulu nanjengoko luthetha ukuthi “mabasondelelane” kwaye lusuka “eluthandweni”.

“Singa maMpinga sifuna nabantwana bethu bazi ukuba uMpinga mnye, kwaye kufuneka bazi ukuba isiduko esi emntwini sibaluleke kakhulu. Siyakukhuthaza kakhulu ukuthandana, nokusebenzisana kunye nokuxhasana phakathi kwabantu besiduko esinye ngoba abanye abantu abanabani,” utshilo uNoqamza. Uhambise wathi bazakwakha ikhaya lamaGugu eNgcobo, eMpuma Koloni, nalapho uMpinga noba ngowaphi na azakufumana khona imbali ngesi siduko.

U-Mzanywa Ndibongo, obeyinxalenye yalo msitho, uthe bekubaluke kakhulu ukubiza uzwelonke nosele emiliselwe ukuze aze kubo abanike umkhomba ndlela, ubanike nengcebiso nanjengoko nabo bejonge ekwakheni isiseko sooMpinga apha eKapa.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.