Ezinye zezindluzangasese kwingingqi yamatyotyombe iMalema ePhilippi. UMFANEKISO: unathi obose


Ucuntsu akafini noshici. Lawo ngamazwi abahlali bamatyotyombe iMalema, nabahlala ecaleni kwesitishi sikaloliwe sasePhilippi.

Oku bakuvakalise emveni kokuba isiXeko saseKapa sibathe jize ngezindlu zangasese zethutyana ezingama 60, ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kweyeDwarha.

Ezi zindlu, nezisebenzisa ikhemikhalsi ukubolisa ilindle, zezokuqala kula ngingqi kususela yasekwayo ngomnyaka ka 2018.

Ngelinyathelo isiXeko sithemba ukuphucula indlela abahleli ngayo abemi balendawo.

Ingingqi yaseMalema yenye yeendawo ezakhiwa ngenkani ngethuba abantu bezithathela imihlaba ngenkani kwiminyaka emihlanu edlulileyo.

Umhlali Nwabisa Duvinja uchaze ezi zindlu nezize notshintsho olukhulu ebomini babo.

“Sizokohlukana nokuzithuma ehlathini okanye emabhakethini ngoku. Nendawo esihlala kuyo izotsho icoceke nangakumbi,” uthethe watsho uDuvinja.

Wenze umbulelo omkhulu kuceba wengingqi ngenxaxheba ayidlalileyo ukuzama ukuba kubekho izindlu zangasese kula ngingqi.

Uthe oko bafikayo kule ndawo azange bafumana zinkonzo ngelithi bame kumhlaba wenkampani yoololiwe iPRASA.

U-Duvinja uthe into abayinqwenelayo zizindlu okanye basiwe kwindawo engcono.

“Asinangxaki nokusuka apha singabanye. Singasuka nanini na xa kunokuthiwa ikhona indawo engcono kunale.

“Ingxaki apha qho kunetha izandyondyo zemvula siyadada. Akukho mpilo entle apha konkekonke,” uthethe watsho uDuvinja.

Waleka ngelithi ebesele encamile ukuba bangaze bafumane izindlu zangasese.

Uceba kaWadi 34 uMelikhaya Gadeni uchaze ezi zindlu nanje ngezizakwenza umahluko omkhulu kula ngingqi emva kwexesha elide betyumpatyumpeka ebugxwayibeni.

Uchaze ucoceko nanje ngenye yezinto abazibeka phambili eluntwini. “Susela oko yasekwayo la ngingqi ngonyaka ka 2028, iyaqala ukufumana iinkonzo ngoku ngoba ime emhlabeni wabucala ka PRASA. Injongo kukubuyisa nokugcina isidima sabantu abantsundu sikhuselekile. Bazakuyeka usebenzisa ipotapota xa bezithuma,” uthethe watsho uGadeni.

Ulebele ngelithi bazakubakhona abantu abazakuqashwa ukuba bacoce ezi zindlu, watsho ebongoza abahlali ukuba baziphathe kakuhle kwaye bazikhusele lonke ixesha.

You need to be Logged In to leave a comment.