Sibhiyozela inkcubeko isizwe sakwaBhaca ephondweni

Bekumbejembeje abahlali baseLwandle bephume ngendlu ukuzimasa umsitho wenkcubeko nobizwa ngokuba Umzila wamaBhaca kwiholo lale ngingqi ngoMgqibelo umhla we 17 kweyoMsintsi.


Bekumbejembeje abahlali baseLwandle bephume ngendlu ukuzimasa umsitho wenkcubeko nobizwa ngokuba Umzila wamaBhaca kwiholo lale ngingqi ngoMgqibelo umhla we 17 kweyoMsintsi.

Lo mnyhadala, noqaphela inkcubeko yesiSizwe, ubuzinyaswe ngabancinci kunye nabadala, bonke benxibe izivatho ezahlukeneyo nezibonakalisa ubuzwe babo.

Lo msitho ubanjwa minyaka le, kwaye ukhuthaza uxhobise abantwana abancinci ngokubaluleka kwentlonipho khona ukuze bakhule bekhuselekile kwizinto ezenzekayo ebomini.

Nanjengoko iyinyanga yamasiko, izithethe kunye nenkcubeko AmaBhaca athi enza lo msitho ukuze nezinye iintlanga zikhumbule Embo.

U-Siviwe Vuzani, omnye wabaququzeleli balo msitho, uxelele iCity Vision ukuba iSizwe samaBhaca sibonakalisa ukuzingca nokuthanda inkcubeko yaso ngokubamba lo msitho.

“Siyayazi sonke ukuba yinyanga yenkcubeko le, ke nathi sifuna ukuthi kufika olwasuku sibe sesilibhiyozele olwethu usuku singamaBhaca. Ngale mini sibonisa ngenkcubeko yethu. Sikwabonisa nabanye ukuba asiwalahlanga amasiko nezithethe zethu ngenxa yokuba sikweli phondo nanjengoko sisuka kwiphondo leMpuma Kapa,” utshilo uVuzani.

Uhambise minyaka le, ukususela ngonyaka ka 2013, babanawo lo msitho nangona bekhe baphazanyiswa ngubhubhane weKhorona kwiminyaka embalwa egqithilayo.

“Ngokubamba lo msitho sikwakhumbuza nezinye izizwe ukuba mazibuyele Embo. Lo msitho ukwakhuthaza abantwana ukubaluleka kwembeko, intlonipho ukuze bakhule baphumelele ebomini. Sikwabaxhobisa ukuze bangalukuhlwa ngabanye abantwana,” ulebele ngelo uVuzani.

U-Phumla Mphothulo, ophuma kumbutho wamanina kwiqela lezopolitiko i-ANC, uthe ukubona abantwana abancinci bebahle benxibe izivatho zabo zakwantu besenza imixhentso eyahlukeneyo kunikeza ithemba.

“Siziva sinemihlali singoomama ukubona abantwana bekhuliswa ngengqeqesho nangesintu. Namhlanje ndifuna ukuthi siyazidla ngani kwaye sifuna niqhubekeke nale nto niyenzayo ukuze nezinye izizwe zikope le nto intle niyenzayo,” utshilo uMphothulo.

Uqhube wathi ingqeqesho inceda ukuphuhlisa ukuhlala, nto leyo ithi incede ukulwa nezinto ezininzi ezingalunganga eziqhubeka ekuhlaleni.

Oka Mphothulo utyatyadule wathi ukholelwa ukuba abantwana abakhule ngengqeqesho eyiyo bathi bazikhwebule kwizinto ezifana nokutyiwa kweziyobisi nezidodobalisa ingqondo ziphinde zikhokhelele kulwaphulo-mthetho.

Abo bebezimase lo msitho bonwatyiswe ngemixhentso eyahlukeneyo kuquka neentlobo ezahlukeneyo zokutya kwesiNtu.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.