Imeko imaxongo kubahlali bamatyotyombe aseLwandle emva kwezandyondyo zemvula eziqale kuleveki nalapho amatyotyombe amaninzi ashiyeke edada emanzi. Abahlali nabakhangeleka bexhalabile bathi abazazi ukuba bazakulala phi nanje ngoko isimo sezulu sikhangeleka singatyhilanga ncam.

Olilungu lenye icawe echaphazelekieyo kwingigqi iPholile nongakhange afune ukulikhankanya igama lakhe uthe imeko imbi kakhulu kangangokuba abayazi ukuba bazakuthini.

“Imeko imbi kakhulu amanzi angene ngaphakathi ecaweni nakwezinye iihoki esilala kuzo ukanti nalapha eyadini adamile. Yonke nje into imanzi uquka impahla kunye neezitulo zecawe. Namhlanje bekufanele ukuba senza intsebenzelo nalapho sinceda abantu abaze ecaweni qha asikwazi ngoba kuyanetha,” uthethe watsho woleka ngelithi minyaka le ngexesha lemvula baphila le mpilo.

Ukunti omnye umhlali uPhumza Mfenyana uthe wothuke ebusuku amanzi egcwele ngaphakathi ehoki yakhe. Uthe emva koko akazange aphinde abuthi chwe ubuthongo.

“Mna ndothuke ekuseni kwangoLwesibini umhlanhla wesine kweyeSilimela xa bendiyokuntsontsa amanzi egcwele ngaphakathi ehokini izihlangu zidada. Bekunzima nokwehla ebhedini. Ndaye ndanyanzeleka ukuba ndizincame ndehle ngoba amanzi ebenyukaapaha ngaphakathi,” uthethe watsho woleka ngelithi waye wavula umnyango wenza umsele ophumela ngaphandle ukuze aphume.

Uthe eyona nto abayifunayo zizindlu enoba banikwe nje iziza kufakelwe iinkonzo. U-Mfenyana nongumama onabantwana ababini uthe abayanga esikolweni ngenxa yezizandyondyo zemvula.

“Yonke into imanzi nje. Konakele nokutya, umabonakude kunye nesikhenkcezisi sam ngoba naso besidada emanzini. Impahla zomntu wonke nje zimanzi,” uthethe watsho uMfenyana. Uthe unyana wakhe (onethoba leminyaka) oko ekhala ulilela iinjana zakhe ezifileyo.

“Ngoku sixakwe ngamanzi ngapha unyana wam uyalila ukhalela iinjana zakhe ekubonakala ukuba zitsarhwe ngamanzi zafa. Nazo sizibone ngoku sele kusekuseni ukuba zifile,” ulebele ngelitshoyo.

Uceba kawadi 86 nequka lengingqi uXolani Diniso uthe zolishumi elinaye ingingqi zamatyotyombe ezikulewadi yakhe zichaphazelekile. “Sele ndisazisile isiXeko saseKapa sithembise ukuba sizakuthula igqiza laso lizokujonga. Nombutho wesisa iGift of the Givers uthembisile ukuba uzakuzisa iingubo nokutya kwabo bachaphazelekileyo,” uthethe watsho uDiniso.

Uye wakungqina oko kuthethwa ngabahla ukuba minyaka le xa kufike izandyondyo zemvula kubanzima kwezingingqi.

Uyithethe yacaca ukuba umhlaba ukhona isiXeko saseKapa sele siwuthengile apho kuzakwakhiwa khona izindlu kude kufuphi namangcwaba aseStrand.

“Andiyazi ukuba ixinge phi ngoba abahlali bathi abafuni ukuba bade bakhelwe izindlu. Bathi banokunikwa iziza ezinamanzi, ugesi kunye nendlu yangasese qha okwalumzuzu babe behlala. Ngoba eyona nto abayifunayo kukusuka apha kulendayo badada kuyo,” uthethe watsho uDiniso. Uye wabongoza kuye wonke ubani onokwazi ukuncenda ngalonto anayo noba yingubo okanye into yokutya uvumelekile.

You need to be Logged In to leave a comment.