Achebene iinduma amalungu ebandla lamaRhabe oMzantsi Afrika, eKhayelitsha, ngeCawe umhla wesine kweyoMdumba, ngethuba lenkonzo yemithwalo nalapho ebethandazela iingxaki ajongene nazo kumakhaya awo kunye nasekuhlaleni.
Inkokheli yebandla uMfundisi uNtobeko Gijana uchaze le nkonzo nanje ngebaluleke kakhulu ebandleni, nalapho amarhamente athi aphalaze imbilini yawo kuThixo.
Uqhube wathi bathandazela naziphi iingxaki abajongene nazo ekuhlaleni ngaphandle kokunyeka imbuyekezo.
“Apha asoneli kuthandazela nje ingxaki zasecaweni, sikwathandazela neengxaki ezenzeka ekuhlaleni ngoba kaloku aba bantu balapha ecaweni basuka ekuhlaleni. Sikhuthaza ukuba abantu bathethe ngezinto ezibatyayo bangafeli ngaphakathi,” uthethe watsho umfundisi.
Ukhankanye ukusetyenziswa gwenxa kotywala kunye neziyobisi, ukuxhatshazwa kwabantu ababhinqileyo nabantwana kunye nobundlobongela nanje ngezinye iingxaki abajongene nazo ekuhlaleni.
Waleke ngelithi injongo yabo kukuthatha ipulpiti bayise eluntwini.
Uthe le cawe ivuleleke kuye wonke umntu onomdla.
“Nabani na umntu ofuna ukuza okanye ukuzokuzigcinisa kulecawe wamnkelekile. Apha asikhethanga bani, wonke umntu wamnkelekile. Apha sithetha ngelizwi likaThixo.
“Siphilisa abantu abonzakeleyo emphefulweni ngelizwi kuphela,” utshilo uGijana.
Olilungu lenkonzo nakwikomiti yoomama uNombulelo Nocanda ucele intsebenziswano kumalungu enkonzo.
Uthe zininzi iingxaki abajongene nazo bengoomama ekuhlaleni nanje ngokuba inzala yabo ingalawulekiyo.
“Singoomama sinemithwalo, yaye ifuna sibambisane. Umama osahleka omnye umama usengxakini. Abantwana bethu bathwaxwa ziziyobisi notywala kwaye bakhulelwa bebancinci.
“Namhlanje sizothandazela lomithwalo sikwacela intsebenziswano nokuhlala,” utshilo uNocanda.
Uye wakhuthaza ulutsha ukuba luzikhwebule kwizenzo nakwindlela ezigwenxa.