Abahlali baseZola bashiyeke bekhwanqisekile emva kokudutyulwa kubulawe inina ngoLwesihlanu umhla we 8 kweYekhala kwisitalato iSolomon.
Eli nina, nekukholeleka ukuba beliphuma kwindawo ethengisa utywala, lidutyulwe ngumntu ongaziwayo.
Ngethuba iCity Vision ifika kwindawo yexhwayelo ibingumbo nomXesibe, uluntu luzozibonela okwenzekileyo.
Abo basondele kwixhoba babonakele behlanganele ndawon’inye, phambi kokuba bahlambe igazi phambi kwesango lale ndawo.
Ngokwengxelo yamapolisa, akuthathwanganto kweli xhoba.
Umphathi sitishi samapolisa eLwandle u-Col Xolani Williams usingqinile esi siganeko. Uqhube wathi eli nina beliyokuthenga utywala ngethuba lesiganeko.
“Kwikhamera kubonakala umntu esiza kweli nina nangona kungavakaliyo nje ufike athini kulo. Lo mntu uye abonakale ehamba esiya kwimoto ibibekwe kwistalato esingakudanga kuyaphi nale ndawo lo sisi ebeyothenga kuyo,” utshilo uWilliams. Ulebele ngelithi esi siganeko sehle emizuzwini esibhozo emva kwentsimbi yokuqala.
“Xa ebuya okwesibini ufike wamdubula waze wasweleka ngoko nangoko. Singamapolisa sivule ityala lokubulala kwaye sibongoza nabani onolwazi aze ngaphambili,” utyatyadule watsho uWilliams.
Usihlalo weqoqo lokhuselo loluntu eLwandle, i Commmunity Policing Forum (CPF) ngabula marhanuga, uSiyabonga Macaula usikhalimele kanobomi esi siganeko.
“Kuyothusa kakhulu ukudutyulwa kwalosisi ngokungena lusini oluhlobo. Siyabongoza ebantwini baze ngaphambili ukuze umenzi wesi sehlo abanjwe,” utshilo uMacaula.
Uqhube wathi eli nina belizokuthenga kule ndawo, okothusayo khange kubekhonto yalo ilahlekayo nebonakalisa ukuba ibilukhuthuzo olu. “Umenzi walento ebeyazi kakuhle apho aze khona. Nangona singasazi nje isizathu kodwa kuyabonakala yinto ibiqulunqiwe le nanjengoko engakhange arojwe usisi lo,” utshilo uMacaula.
U-Williams umemelele kuluntu olusibonileyo esi siganeko simthinte ngqo kwezinombolo zilandelatyo 082 522 1916.
Loka Williams uthi lo mntu ebezigqumile, kwaye ubuso bakhe abuveli kwikhamera. Uye wahamba emva kokudubula wayongena kuhlobo lwemoto yakwaHyundai Tucson embala u-silver gold.