U-Bhongolakhe Manganga notshelwe yimpahla yakhe yonke kumlilo ubumkhulu ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo ucela amalizo.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE


Usapho lakwa Manganga, kumatyotyombe ase Neve-Neva, lukhala ezimantshiyane emva kokutshelwa yinto kuquka iimpahla kunye neencwadi zesikolo zabantwana.

Esi sihelegu sehle ngoLwesithathu umhla we-8 kweYomdumba. Ngamatyotyombe ali 130 atshe angqungqa, kwasala abantu abangama 333 uquka nabantwana bedinga indawo.

Unobagela wokuba kutshe awukaziwa.

U-Bhongolakhe Manganga, nonguyise wabantwana abathathu, uvakalise ukuba ebesemsebenzini ngethuba kuqala esi sithwakumbe.

“Mna ndibone ngomsi xa ndibuya emsebenzini emva kwemini. Akhange ndiwuhoye, ndicinge ukuba kutsha kwelinye icala qelele kwezi zethu iihoki. Ndithe xa ndikude kufuphi ndadibana nomnye wabafana abahlala kwalapha ekuhlaleni wabe endixelela ukuba indlu kamelwane wam itshile. Kulapho ndiye ndanyukelwa zizibilini ndaleqisa ukuya endlini,” uthethe watsho uManganga.

Waleke ngelithi ekufikeni kwakhe ihoki yakhe ibisele iphelile. “Into endingcungcuthekisayo zimpahla ezi zabantwana bam ezitshe zaphela kunye neencwadi zabo. Ngoku kufuneka ndiqale phantsi ndithenge iincwadi kunye nempahla yesikolo,” uthethe watsho.

U-Manganga uthe abantwana bakhe ababini bafunda kwisikolo samabanga aphantsi iZanemfundo, logama omdala efunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iVuyiseka eLower Crossroads.

Uqhube wathi ucela amalizo nakuye nawuphi na umntu onokwazi ukumnceda. “Kunzima mpela kum ngoku. Andiyazi nokuba ndizoqala ngaphi andinathemba tu,” utshilo uManganga.

You need to be Logged In to leave a comment.