U-Tornado uza necwecwe elitsha

Imvumi yomculo kaMaskhandi eyaziwayo, nezinze eKhayelitsha izakukhupha icwecwe layo elitsha kule nyanga yoMga.


Imvumi yomculo kaMaskhandi eyaziwayo, nezinze eKhayelitsha izakukhupha icwecwe layo elitsha kule nyanga yoMga.

U-Zama Ntenteni, nowaziwa ngegama likaTornado, uthi seyelipheke lavuthwa eli cwecwe linengoma ezili 12.

Kungoku nje ulindele usuku azakuthi alikhuphe ngalo kubathandi bakhe.

U-Tornado, nowaziwa kakhulu kwiqela elibizwa Amawele kaMamtshawe, yinzalelwana yakuCentane eMpuma Koloni.

Izakuba licwecwe lakhe lesithathu eli njengemvumi ezimeleyo, kwaye isihloko salo lithi Isabhokhwe Secingo.

U-Tornado uthi eli cwecwe linomyalezo kakhulu, kwaye lenza umdla kumntu omdala kunye nolutsha.

“Ngomhla we28 kule nyanga ndizakube ndisenza official launch yeli cwecwe lam. Kodwa abantu balingxamele bafuna ukugoduka nalo. Ithi lonto ndingalikhupha naphambi kwelosuku limiselweyo,” utshilo uTornado.

“Abalandeli bam bazakufumana umyalezo, ngoba ndigxile kuwo kakhulu kweli cwecwe. Ndinovuyo kakhulu ngeli cwecwe lam kwaye lizakonwatyelwa ngomncinci nomdala ndiyakuthembisa,” utshilo uTornado, ezigomba isifuba.

U-Tornado ubongoze wonke ubani abenalo eli cwecwe, watsho esithi lineengoma ezininzi ezimnandi.

“Umthandi no mlandeli kaTornado uzakuzikhethela ayithandayo kwezingoma zimnandi kangaka. Ndifuna nilifumane eli cwecwe nonke, umyalezo ndingunye ngomyalezo kakhulu kwaye andifuni mntu uzakuphoswa leli cwecwe,” waleke ngelo uTornado.

Uthi usebenze namagqala kweli cwecwe, watsho ekhankanya uDavid Moloele, Nhlanhla Xaba, Maqhude Mkhize, Mafesi Mkhize ukukhankanya nje abambalwa kwaye kwenye ingoma ucula nentyendayana lomfana uSive Qhwesha. Ungaxhulumana noTornado ngenzindlela zilandelayo:

Facebook page: Tornado Ibhada Elimaxhaga Ntenteni, Instagram: Tornado_Ntenteni, Tiktok: Tornado_Ntenteni, Twitter: @TornadoNtenteni, YouTube: Tornado Ntenteni.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.