Sisihlandlo sesithathu umlilo ugqugqisa kwingingqi yamatyotyombe iThabo Mbeki kwixeshana nje elingaphantsi enyangeni.
Emva kwemini ngeCawa umhla we 16 kweyoMqungu, le ngingqi iphinde yagutyungelwa ngumlilo otshise watshabalalisa amatyotyombe.
Lo mlilo ulandela owathi watshisa intlaninge yamatyotyombe ngomhla wokuqala kule nyanga nalowo owawuza emva komlilo wangomhla we 16 kweyoMnga kunyaka ophelileyo (“Victims want houses” City Vision 13 January)
Lo mlilo, ongekaziwa unobangela, ushiye abantu abaliqela bengenandawo yokufihla intloko, bekwakhwankqisiwe.
Abahlali bale ngingqi bamemelele kurhulumente ukuba abokhele iizindlu ukuze basinde ekubeni ngamaxhoba weemililo engqungqisayo.
Ngethuba iCity Vision ifika kwindawo yexhwayelo emva kwemini ngeCawa, izicima-mlilo bezimanxandanxanda zisilwa umlilo ngelixa uluntu lona beluhlangulo oko lunokusindisa.
Umhlali u-Thandisizwe Lobese uthe ebezifikela esuka ezilalini, kwaye engqengqile ngexesha esiva isimbonono kukhwazwa “kuyatsha!”.
“Mna bendizidinwele ndilele nanjengoko bendisuka ezilalini kanti ndizakufikela kweli shwangusha. Sendibulela nje lingatshanga elam ityotyombe nanjengoko lo mlilo ukhawulezile nangona bekungekho moya nje,” utshilo uLobese, ebile elithontsi ezama ukusindisa iimpahla zakhe.
“Kubuhlungu kakhulu ukuqala unyaka oluhlobo, uthi utshelwe yinto yonke endlini. Ukusukela ngomnyaka ka1999 ndihlala kule ngingqi bekunobakuhle mpela ukuba besinokufumana izindlu kurhulumente,” utshilo uLobese.
Omnye umhlali u-Siphiwo Balangile uthe yena ulixhoba lokutshelwa kwinyanga yoMnga kwaye usaqokelela nangoku.
“Sicela uncedo kurhulumente, ngoba kubuhlungu kakhulu ukuthenga nokwakha into ubusele unayo. Mna ityotyombe lam elinamagumbi amane latsha laphela nangoku bendisandokulimisa qha ndisalinde u-Eskom azondifakela umbane,” utshilo uBalangile, ongutata wabantwana abathathu.
Uqhube wathi lo mlilo ngowesithathu nanjengoko ngomhla wokuqala bahlelwa kwasesisithwakumbe sikumila kunje emva kwalowa watshisa elakhe ityotyombe.
U-Jermaine Carelse, isithethi secandelo lezomlilo phantsi kwesiXeko saseKapa, uthe icandelo lakhe lifumene umnxeba ngeCawa nge 17:34.
“Amagosa omlilo eLansdowne, eBelhar, eRoeland Street, eKuils River kwakunye naseMitchell’s Plain ebekwindawo yexhwayelo. Iqela lamatyotyombe athe atsha, waze umlilo wacinwya ngo 19:07 kungekho zingozi zibikiweyo,”
U-Charlotte Powell, isithethi sezeNtlekele (Disaster Risk Management Centre) kwisiXeko, uthe lo mlilo utshabalalise amatyotyombe ali 11 waze wachaphazela abantungama 20.