Umthandazo omfutshane wokuqala usuku uphelele kwindawo yendibano ngethuba imigulukudu ibixhoba ife amacala imbonzeleka kwintlanganiso, nalapho uLoyiso Nkohla adutyulwe khona kwahlanza iselwa.
U-Nkohla, nowathi wazakhela igama ngokuthi ebambisene nogxa wakhe u-Andile Lili bakhokela uthotho lwemigushuzo eyayijoliswe kwabasemagunyeni kweli leNtshona Koloni yokulahla badyibhele izakhiwo zika rhulumente nezinye iindawo eziphambili ngokudlala ngodaka lwesinqe, udutyulwe ngentseni yangoMvulo umhla we 17 kuTshazimpunzi, phakathi eyadini kwisitishi sikaloliwe e-Philippi.
Ngokweengxelo zabantu ebebekwindawo yexhwayela, uhlaselo lukaNkohla noloyanyaniswa nobunqolobi, lwenzeke kwimizuzwana nje emva kokuba kuququnjelwe umthandazo omfutshane xa kanye bezakuqala intlanganiso nequka iinkokheli zokuhlala kulandawo.
Enye yenkokheli nebiyinxalenye yalantlanganiso, nengafunanga kunkqangazwa ngengama ngenxa yokoyikisela ubomi bayo, ithe ezi zikrelemnqa zithe gqi kufuphi zangqala ngqo kuNkohla zavulela ngezulu lezandla.
Uhambise wathi wonke umntu obelapho ubeleke abasicatyana, logama abanye baye bangqengqa bengondlalelwanga.
Ukanti bathathu abantu abathe bonzakala kuquka uThembinkosi Pupa, nobesakufudula enguceba ka Wadi 80.
“Ibingabafana abane, bonke bephethe imipu. Bafike nje badubula, akhange bathethe. U-Pupa ngoku adutyulwayo ebesele eleli ngecala ecela uxolo. Baye bamdubula imbumbulu ezilithoba emilenzeni enye yazo ingene apha esinqeni ngemva. Omnye wabasisi babini badutyuliweyo uchanwe engalweni. Andiqinisekanga ngomnye lo ukuba udutyulwe ndawoni,” ithethe yatsho le nkokheli.
Yaleke ngelithi aba bantu bebebhalele ku Nkohla, abanye aba badutyulwe babethwa njee bekungafunwa bona.
Uthe ezi zikrelemnqa ziye zahamba ngenyawo emva koko, zinyalasa ngokungathi akukho nto ziyenzileyo. “Akhange zibaleke zade zayokusithela kwaye bezingazigqumanga nasebusweni.
Le nkokheli, nebimpatshampatsha kwalapha emzimbeni ibonakala ukuba ibiwile okanye ibirhubuluza, ithe ayisoze iyilibale le mini.
Ngokuye iCity Vision imngcambazisa ngemibuza iye yala ukuphendula eminye imibuzo ngelithi ayifuni kuthetha kakhulu.
“Hey bhuti khawume. Ibuhlungu into eyehlele uLoyiso. Kwaye, aba bantu baze bezazi ukuba bafuna bani inoba bathunyiwe. Ukuba bebezokukhuthuza ngebesidubule sonke kaloku ngoba besimile pha sonke silinde intlanganiso iqale. Andikho kwisimo esilungileyo tu ngoku andifuni kuthetha,” uthethe watsho.
Unathi Mabengwena, ongumhlobo ka Nkohla, uthe akukholeleki ukuba le ndedeba ayisekho kweli limagade ahlabayo.
Umchaze uNkohla nje ngetshantliziyo neqhawe elalingoyiki ngokoyikiswa.
Uchaze uNkohla nanje ngomntu ochithe inxalenye yobomi bakhe esilwelwa abantu abasokolayo, ingakumbi abamnyama.
“Besisonke kumbutho wolutsha kaKhongolose sikhokhele. Naku SeS’khona besikhokhele sobabini. Bendingusekela mongameli yena engunobhala. Inxalenye yezinto ebezisenziwa embuthweni besizenza sonke. U-Nkohla ibingumntu wabantu. Ibingumntu obeyimela inyani. Ebeyinkokheli apha elungileyo kodwa enayo nendawo eburhabaxa ngamanye amaxesha,” uthethe watsho uMabengwana.
Isithethi samapolisa ephondweni u-W/O Joseph Swartbooi uthe amapolisa aseNyanga afumene isikhalazo ngentseni yangoMvulo xa efika esitishini samapolisa kwisitishi sikalolilwe bafumene umzimba wendoda (enama 40) udunduluzile. “Ixhoba liye laswelekela khona apho kwindawo yesiganeko. Ngokwengxelo abantu ababini ababhinqileyo kunye nomnye oyindoda abaye benzakala babalekiselwe esibhedlele ukuze bafumane uncedo. Ukanti abarhanelwa abangaziwayo baye babaleka,” uthethe watsho uSwartbooi.