Amadoda mawancanywe akasoze ave, noko sele ilithuba kuthethwa nawo into enye.
Mihla le kuliliselwa ngawo. Ukuba awabulalanga mntu ayadlwengula okanye ayabetha.
Kanti singabantu abanjani? Siva xa kutheni?
Akukho nto indicaphukisa njenge sisiganeko sehlele umntwana ominyaka isixhenxe kwiphondo leMpuma Koloni, nalapho kutyholwa ukuba udlwengulwe esesikolweni. Into emehleleyo ayinyamezeleki kwaye andiyinqweneleli nawuphi na umntu, nditsho nkqu utshaba lwam.
Singamadoda asinazintloni, uqala ngaphi ukubanenkanuko zomntwana omncinci? Injongo zakho yintoni?
Xa ngaba ugqibile ukwenza lonto ubuyenza uziva njani?

Eyona nto ikhubekisa ngamandla kukuva ukuba esi siganeko senzeke kunyaka ophelileyo, kwinyanga yeDwarha, kodwa akukabikho nto icacayo malunga netyala.
Ithi lonto kwayena urhulumente urhuqa iinyawo akancedisi, ulinde kude kuthethe abantu ukuze enze umsebenzi wakhe. Kucacile ukuba abahlali nabantu kumakhasi ezonxibelelwano bebengashukumanga benze isankxwe ngekungekabikho mnyakazo kwicala likarhulumente.
Ewe, umgaqo siseko waseMzantsi uyanconywa nanje ngoweminye ephala phambili kwihlabathini, kodwa thina singabemi belizwe awusisebenzeli kumaxesha amaninzi. Bangaphi abantu abakhalayo ngenxa yalomgaqo siseko? Kumaxesha amaninzi uye ufumanise ukuba umenzi ngoyena onamalungelo amaninzi ukodlula ixhoba. Nakweli ityala lonto izakwenzeka. Indlela elibuhlungu ngayo eli bali lalomntwana andikwazi nokulibukela kumabonakude. Ndiyazibuza ukuba xa inokuba ngumntwana wam lo ndingathini. Khona ndingaqala ngaphi ukumjonga. Ndingazijaja ndizibone njengotata owahlulakeleyo ngoba luxanduva lwam ukukhusela iintsana zam. Andinakuxola ndingayifumananga intloko yomenzi wobubi. Eyokuba ndakuphelelaphi emva koko iyakubonwa ngabazayo. Hlobo olu singabantu abangootata siyoyika ngayo into ebuhlungu xa isiza kuthi kodwa mihla le sihlalela ukungcikiva abantu abangenamandla. Kuthi kunzima kwa ukuya kwisebe lezempilo sele ugula ngoba kaloku ucinga ukuhlatywa ngenaliti. Uthi usiya ibe imeko sele imaxongo. Ndiyababulela aba tata baye baphakame xa ngaba kukho iziganeko ezikumila kunje. Ndithi nangomso ntozakuthi ningadinwa igalelo lenu liyabonakala. Inga bangayazi naba baqhubeka besenza ububi ebantwini ukuba liyeza ixesha apho impethu iyakutya enye ngenye imini. Nalapho iyakuthi leyo ithe yashiyeka, amandla womhlaba ayakuyongamela ngoba kakade kugqibela wona. Kubalulekile ukuba sizijonge izinto esizenza ebantwini ukuba ngelinye ilanga zisezakubuya.Nabo baye babulala ikamva likaCwecwe basezakuphendula ngenye imini.
You must be logged in to post a comment.