Ucela amalizo ombutho ojongene nolwaluko

Amalungu ombutho i-Isibane Soluntu Initiation, eKTC, acela uluntu ukuba luncede ngokutya kunye neempahla zamakrwala nanje ngoko elungiselela ukufaka amakhwenkwe kwiiholide zobusika.


Amalungu ombutho i-Isibane Soluntu Initiation, eKTC, acela uluntu ukuba luncede ngokutya kunye neempahla zamakrwala nanje ngoko elungiselela ukufaka amakhwenkwe kwiiholide zobusika.

Isibane ungumbutho ozimeleyo nojongene ncakasana nesiko lolwaluko kweli le Ntshona Kapa.

Kutsha nje lo mbutho uyile iphulo lokwalusa amakhwenkwe aphuma kumakhaya angathathi ntweni, kwaye uthi sele uqalile ukubhalisa amakhwenkwe alungiselela ukungena kwezinyanga zizayo.

Umseki wombutho u-Andile Ngalo, nophinda abe yingcibi eyaziwa nje ngoZikhali, uthe bazama ngandlela zonke ukuqinisekisa ukuba onke amakhwenkwe azakuthi angene akuzubakho nalinye ikrwala elizakuthi lihleleleke kwamanye.

Uthe eli phulo laphembelelwa kukubona imeko yamakhaya amaninzi.

U-Zikhali ubalule eliphulo nanje ngenzame zakhe zokunikezela ngenkxaso ekuhlaleni ngaphandle kokunyeka imbuyekezo.

“Ndiliqale eli phulo ngenyanga yoMnga ngonyaka wama 2023, nalapho ndandoluse amakhwenkwe asibhozo. Kulonyaka uphelileyo ngenyanga yeSilimela ndolusa amakhwenkwe ali 15. Ndaze kwinyanga yoMnga kwakulonyaka uphelileyo ndolusa ama42 onke wamakhwenkwe. Kwezi holide zobusika zizayo silindele ukolusa amakhwenkwe angaphaya kwama 50 onke,” uthethe watsho uZikhali.

Woleka ngelithi alizubakhona eli phulo ngenyanga yoMnga kulonyaka nanje ngoko ezakuthatha ikhefu.

Ulebele ngelithi bacela inkxaso nokuba kukutya okanye yimpahla zokunxiba. “Siyakudinga ukutya ngamandla xa amakhwenkwe esehlathini kunye neempahla zokuphuma. Umntu angathenga nokuba yihempe, ibhatyi okanye isihlangu lonto afikelela kuyo. Inkoliso yala makhwenkwe aphuma kumakhaya angathathi ntweni. Amanye awo awasenabazali okanye zihlobo,” ucaciso watsho uZikhali.

Uthe eyona nkwenkwe incinci kula sele ebhalisile ineminyaka engama 25, ukanti eyona indala ineminyaka engama 49.

U-Zikhali uthe lamakhwenkwe asuka kwingingqi ezahlukeneyo kweli le Ntshona Kapa kuquka i-KTC, Philippi, Gugulethu, Paarl, George, Delft, New Crossroads njalo-njalo. “Xa besehlathini siye sibohlule ngokweminyaka yabo. Aba badala kakhulu bahlala bodwa, ze aba bancinci bahlale bodwa ukwenzela ukuba bangadelelani,” uthethe watsho uZikhali.

Uqhubeke wathi unamava ngalomsebenzi nanje ngokuba sele enethuba ewenza. Uthe waqala ukuba yingcibi ngonyaka ka 2011 emva kokuba wayelikhankatha ixesha elide. “Ndafundiswa ukwalusa ngutata uNozulu nowayeyingcibi eyaziwayo kakhulu eNew Crossroads. Ndasebenza naye ixesha elide ndingomnye wamakhankatha wakhe. Uthe ngoku sele emdala wathi mandisebenze nam. Ndaqala apho ukolusa kanti emva kweminyaka nje embalwa endifundisile uzakusweleka ndashiyeka ndiqhuba ke mna,” ubalise watsho uZikhali.

Uchaze eliphulo nanje ngelisondele kakhulu entliziyweni yakhe. Uthe bayaqinisekisa ukuba phambi kokuba amakhwenkwe oluke aya kumaziko ezempilo ayokuxilongwa ukujonga ukuba bakulungele na ukuya entabeni. Uthe kwabo bafunyenwe besebenzisa iziyobisi baye baxalelwe ukuba baziyeke ze bamane besiya kwisebe lezempilo beyokuxilongwa ukuqinisekisa ukuba ziphelile emzimbeni.

“Baye banikwe inyanga ezine zonke bejongwa zekuthi kwakufunyaniswa ukuba ukulungele ukwalunka anikwe imvume yokungena. Ngoku ndinamkhankatha ali 15 aqeqeshiweyo ngokusemthethweni ukwenza lo msebenzi,” utshilo uZikhali.

Tsalela ku 065 502 8695 ukunceda.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.