Ufunyenw’ elahliwe umntwana

Abahlali base Crossroads abayivali imilomo ngumothuko emva kwesinye isihelegu nalapho kufunyenwe umzimba womntwana oyinkwenkwe kwenye yee yadi ezikwisitalato iSagwityi, kude kufuphi nalapho kwafumaneka khona umzimba ka Aviwe Mkhosi (15) usemgqomeni (


Abahlali base Crossroads abayivali imilomo ngumothuko emva kwesinye isihelegu nalapho kufunyenwe umzimba womntwana oyinkwenkwe kwenye yee yadi ezikwisitalato iSagwityi, kude kufuphi nalapho kwafumaneka khona umzimba ka Aviwe Mkhosi (15) usemgqomeni (“Isidumb’ emgqomeni” City Vision, 4 August).

Esi simanga, nesishiye abantu bekhwankqisekile, sehle ngo LweSihlanu umhla we 19 kule nyanga. Ngokwengxelo, ixhoba likrokrelwa kwiminyaka ephakathi kwesine ukuya kwisixhenxe. Kuvakala ukuba belifakwe ebhegini kunye nomqamelelo.

Unobangela wesi simanga awukaziwa.

Unobhala wesigqeba esijongene nokhuseleko loluntu eNyanga uDumsani Qwebe uthe basothukile kwaye basamangele sesi sehlo. Uhambise wathi umzimba womntwana awukaziwa.

Kudliwanondlebe neCity Vision uQwebe uchaze umenzi wesi sihelegu njengomntu ongenantliziyo, nofanele ukuhlala entolongweni ubomo bakhe bonke.

“Imasikizi kakhulu lento yenzeke kulo mntwana. Ubulewe emva koko wafakwa ebhegini kunye nomqamelelo. Esingayaziyo ke ukuba iinjongo zokuba kude kufakwe nomqamelelo yintoni na,” uthethe watsho uQwebe.

Ubongoze abahlali ukuba basebenzisane namapolisa ukuzama ukulwa ubundlobongela.

Uqhube wathi asikho isizathu sokuba abahlali bafihle umenzi wobubi xana bemazi. “Nakwesi isihlandlo lo mzimba womntana ufunyanwe eyadini kwakwesasitalato sinye, esi kwakufunyenwe kuso la mzimba wawufakwe emgqomeni,” utshilo.

Waleke ngelithi akafuni kusidibanisa esi siganeko kunye nesiya sasenzeke kuqala nanje ngoko umsolwa sele wabanjwa. Uhambise wathi iyaxhalabisa indlela abantu abangoomama kunye nabantwana ababulawa ngayo

Uqhube wathi unqwenela ukuba urhulumente abe ngathi uqinisa ingalo yomthethe kubabulali kunye nakubadlwenguli.

Isithethi samapolisa ephondweni Col Andre Traut uthe inkcukacha malunga nokufunyanwa komzimba womntwana ekukrokreleka ukuba iminyaka yakhe iphakathi kwemine ukuya kwesixhenxe, nofunyenwe efakwe ebhegini kwisitalato iSagwityi eCrossraods kusasa ngolweSihlanu, zisaphandwa.

Nabani onengcombolo uyacelwa atsalele i-Crime Stop ku 08600 10111.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.