Ugcobo lwaBefundisi

Bekubanjwe umsebenzi wogcobo lwaBefundisi kunye noBhishophu yinkonzo iWorshippers of Christ Ministries ngoMgqibelo, umhla wesine kweyoKwindla, kwisikolo samabanga aphakamileyo iSimanyene, eNomzamo.


Bekubanjwe umsebenzi wogcobo lwaBefundisi kunye noBhishophu yinkonzo iWorshippers of Christ Ministries ngoMgqibelo, umhla wesine kweyoKwindla, kwisikolo samabanga aphakamileyo iSimanyene, eNomzamo.

Ngabefundisi abathandathu kunye nooBishophu ababini abathe bagcotywa kulomsebenzi.

U-Bhishophu Xolani Bomvana welibandla, nobechophele lo msebenzi, uthe xa abazalwane befikelele kwinqanaba elithile baye benziwe abefundisi, nalapho bathi babenenxaxheba abayidlalayo enkonzweni.

OkaBomvana uhambise wathi kugcobo kwenziwa abefundisi, nalapho baye banikwe khona amandla kaThixo, kwakugqitywa kwabelwane ngomsebenzi.

“Xa sisenkonzweni sinamanqanaba ngamanqanaba okukhonza uThixo, ngalemini ibiyenye yezoomini sinikezela amandla kwabaMama nooTata. Ukugcoba kubalulekile kakhulu ngoba xa ubona amadoda noomama abakulungeleyo ukusebenza ubanika amandla ngokubagcoba ukuze nisebenzisane ninonke,” utshilo uBomvana.

Uthi uBomvana xa umsebenzi ukhona kwezinye iindawo, abo bathe bagcotywe baselungelweni lokukwazi uyokuzisebenzela xa beceliwe libandla.

UBomvana uthi umsebenzi kaThixo ngumsebenzi ongapheliyo kwaye bazma ngako konke okusemandleni ukudlulisa lo msebenzi.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.