Umbhali weencwadi oze ngobuso elizweni uLoyiso Mgqatsa, nohlala kwingingqi yaseKuyasa eKhayelitsha, uqale apho ayeke khona ngethuba epapasha incwadi yakhe yesixhenxe.
Le ncwadi, nesihloko sithi ‘Ziyakhonkothana’, uyipapashe kunyaka ophelileyo kwinyanga yoMdumba.
Phambi kokuba apapashe le ncwadi, uMgqatsa ushicilele iincwadi ezintandathu ukususela ngo 2008, de kwaba ngo 2018.
Incwadi yakhe yokuqala nesihloko sithi ‘Ntliziyo ndikhulule’ yapapashwa ngonyaka 2008 , waze ngo 2009 wakhupha incwadi esihloko sithi ‘Isilonda siphola ngokuthunukwa’. Ukanti ngo 2010 washicilela incwadi ethi ‘Zakuphela inkuni uyacima umlilo’, logama ngo 2014 wakhupha ethi ‘Ndiyazisola’. Ngonyaka ka2017 waphinda wapapasha enye eyayisithi ‘Ndiyabulela mama’, phambi kokuba ashicilele incwadi yakhe yokugqibela ngo 2018 eyayisithi ‘Ndiyazisola ndicela undixolele’.
U-Mgqatsa uchaze incwadi yakhe entsha njengegxile kakhulu ekufundiseni abantu ngobungozi bobundlobongela, nalapho acacisa okanye abonisa khona ukuba ubundlongela abubhatali.
Kule ncwadi uMgqatsa ubalisa ngetyendyana elasuka ezilalini laya edolophini ngenjongo yokufuna amadlelo aluhlaza.
Uqhubeka athi uthe akufika lomfana edolophini, endaweni yokuba afune umsebenzi, wazibandakanya nobundlobongela nalapho aphele sele esaziwa kwaye enemali ngenxa yemisebenzi yakhe.
Woleke ngelithi lo mfana uye waphela sele engafuni nokuzibona iilali kwaye wazixelela ukuba akafuni kwanto emdibanisa nazo. Kodwa kuye ngokuhamba kobom zaphela zonke izinto ayenazo washiyeka engumpha ochutywe walahlwa.
U-Mgqatsa uthi eli bali ligxile kakhulu kwizinto azibonayo nezenzekayo ekuhlaleni.
Uchaze ukubhala nanje ngento esegazini kuye. “Ndaqala ukuthanda ukubhala ndisafunda amabanga aphantsi. Ndikhule ndingumntu ohleli nje uyabhala ngalo lonke ixesha.
Ubalule ukushokoxeka kwenkxaso ngezezimali nokungathathelwa ngqalelo komsebenzi wabo njengeminye yemiceli mngeni yababhali abantsundu.
“Siyasokolo ukufumana inkxaso ngezezimali, kwaye abantu abaninzi abakuthandi ukufunda incwandi ezibhalwe ngolwimi lwabo bakhetha ezibhalwe ngesingesi. Umnqweno wam kukubona iincwadi zam zifundwa ezikolweni nakumathala eencwadi,” ucacise watsho.
Uthe injongo yakhe kukuphuhlisa ulwimi lwesiXhosa nokuligcina lukhuselekile. Ugqibezele ngelithi umntu ofuna incwadi iyafumaneka kuye ixabisa iR150. Abathengi bangaqhakamshelana naye 066 114 7926.