There was joy and excitement in the Mchunu family in Langa as they celebrated moving back into their newly renovated home, after it was destroyed by fire during Easter last year.
Uceba kawadi 51 uLwazi Pakade uthetha nabahlali phambi kokuba indlu inikezelwe kusapho lakwaMchunu kwaLanga. Ukanti amalungu osapho nabamelwa kunye neenkokhe;i zokuhlala zimamele. Ukusuka ekhohlo: Umseki wombutho iTownship Help uJorg Caluori, uNono Mchunu (omele usapho), Lungile Maqegu ongumakhi, umelwane Nontombi Peter(ohleli phantsi), kunye nekomiti yesitrato uNtombi Sais. iMiFANEKISO: UNATHI OBOSE

Ibiyimivuyo nemincili kusapho lakwaMchunu kwaLanga ngelixa lusamnkela indlu yalo eyenziwe ngokutsha emva kokuba yatshatyalaliswa ngumlilo ngepasika yonyaka odlulileyo.

Le ndlu, nezinze kwisitalato iBriton, ilungiswe ngumbutho iTownship Help uncedisana noceba kaWadi 51 uLwazi Pakade. I-Township Help ngumbutho ozimeleyo nosebenzisana nabantwna, ingakumbi kwingingqi ezisokolayo.

Othethela olusapho nokwayintombi yalapha uNono Mchunu uthe akawuvali umlomo ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe ngulombutho ehamba noceba.

Uthe nanje ngoko babethembise ngokubalungiselela, kodwa ebengalindelanga ukuba angayibona ikwisimo ekuso le ndlu.

U-Mchunu uthe nangoku ayibonayo akakakholelwa ukuba yiyo nanje ngoko yayitshe yangqungqa akwasala negqesha.

“Kunanamhlanje asikawazi unobangela womlilo nanje ngoko yatsha emini lihlabe umhlaba kungekho bantu. Yatsha yonke kwashiyeka nje iindonga. Xa ndiyibona namhlanje inje ndiyothuka. Yonke nje into enayo intsha uqala emacangweni, iifesitile, iphahla, isilingi, ibhokisi yombane. Ayohlukanga nje endlini entsha kraca,” uthethe watsho uMchunu, woleka ngelithi umlilo waqala ekamereni yabantwana waze wanwenwela nakwamanye amagumbi.

Uqhubeke wathi eneneni belusapho bebesele belilahlile ithemba bengayazi ukuba bazakuqala ngaphi okanye bathathe ntoni badibanise nantoni nanjengoko bengasebenzi.

Uye waqinisekisa ukuba bazakuyigcina kakuhle.

Uthe bebonke abantu abahlala kulendlu bali 12, kuquka nabantwana.

“Ndihlala nodadethu, abantwana kunye nabazukulwana bethu. Mna ndinabantwana abane nomzukulwana omnye. Udadethu unabantwana abathathu kunye nabazukulwana ababini,” ucacise watsho uMchunu.

U-Nono Mchunu ume ngasefesitileni ujonge abantu ngaphandle. imifanekiso: UNATHI OBOSE

U-Pakade uthe kwamchukumisa ukutsha kwalendlu, nalapho wathatha isigqibo sokuba athathe amanyathelo. Uthe waziva engenokwazi ukusonga izandla waze waqhakamshelana nomseki wombutho iTownship Help uJorg Caluori, nalapho wacela ukuba ancede.

“Eyona nto yandichukumisa ngamandla kukubona abantwana abancinci kakhulu bengodingasithebeni kuba ikhaya labo litshile. Kulapho ndabona ukuba mandithathe amanyathelo nanje ngoceba ndenze inzame ukuba kuvuswe elikhaya,” uthethe watsho uPakade.

Uthe kuluvuyo kuye ukubona usapho lakwaMchunu lubuyela endlini yalo emva kwethuba elingangonyaka lwaphulukana nayo.

Ucacise ukuba iSixeko asikwazi ukuncedisa okanye ukungenelela xa ngaba usapho olo nendlu sele linamaphepha obunikazi.

U-Caluori ubulele intsebenzisano phakathi kwabo nabahlali, watsho esithi ayikokokuqala elungisa izindlu kwaLanga.

Uthe sele enethuba esebenzisana nabahlali bakwaLanga nanjengoko wade wavula ikhaya eligcina abantwana abangenabazali nabangathathi ntweni kunyaka ophelileyo kulengingqi (“Swiss Founder brings change to Langa community with new children’s home”, City Vision, 26 September 2024).

You need to be Logged In to leave a comment.