Ulwavila noxinezelelo oluze nobhubhane weKhorona lusavakala kwiintsapho ezininzi kungoko uCeba wase Lwandle ehamba nombutho wokuhlala, bethe bachonga iintsapho ezingama 30 ukuze zinikwe okusiwa phantsi kwempumlo.
Ezi ntsapho zingathathi-ntweni zizibone ziwelwa ngumqa esandleni ngokuthi zixhamle kwezi zipho ukuze zigxothe ikati eziko.
Ezi ntsapho zithe zafumana ezi zipho ngolweSine umhla wama21 kwinyanga kaTshazimpunzi.
U-Xolani Diniso, nongu ceba ka Wadi86, uthi eli gongqongqo liyiKhorona lushiye amakhaya amaninzi exhwalekile, kwaye elusizana njengoko uluntu oluninzi luthe lwaphelelwa yimisebenzi.
U-Diniso uthi iwadi yakhe yenye yee wadi ezisikelelekileyo, nalapho uluntu lufuna ukuyixhasa nangantoni na ezakuthi yenze uphuhliso kule ngqinqi.
“Ndithe njengoCeba ndafumana umnxeba othi kukho umntu onomdla wokuthi aphise ngokutya kwabo bantu bangathathi-ntweni kule wadi yam. Ndiye ndadibanisa iintloko nabo bakhokheleyo ukuze sikwazi ukuchonga abona bantu bafanele kukuxhamla kwezi zipho,” utshilo uDiniso.
Uqhube wathi kule nkxaso bathe bayifumane banqonde ukuba mabajonge abantu abadala, abathe bachaphazeleka ngokumandla yile nto yalo bhubhabhane kunye nabo baxhwalekileyo emzimbeni.
Uthi bathe bachonga kwiindawo ezintlanu eziphantsi kweLwandle ezifana neGreenfields, eLwandle emaholweni, eNomzamo, eDesert kunye nasematyotyombeni akulengingqi.
Ilungu lombutho wokuhlala uNosigcina Salakuvunyelwa uthe bebambisene noceba baye bachonga ezi ntsapho, into ethe yazichulumancisa kakhulu.
“Abantu baye bakonwabela kakhulu oku, nanjengoko ezinye zezi ntsapho bezingenayo kwanto esiwa phantsi kwempumlo. Kubalulekile kakhulu ukumane uluntu luxhaswa ngoluhlobo ngoba abantu abaninzi sebexhomekeke kubantu abafumana indodla ngoba abantu abanamisebenzi,” utshilo uSalakuvunyelwa.
U-Salakubunyelwa ubulele kuceba ngokubacinga aze athi lonto ayifumanayo akwazi ukucinga abantu abasweleyo abakwi wadi yakhe.