Elinye lamalungu ombutho iMbonombini ligqibezela upeyinta indlu kaNolundi Nongawuza ngaphandle.


Ibiyimivuyo kuphela ngethuba umama uNolundi Nongawuza (onama 68 eminyaka), wakoo F eKhayelitsha, endwendwelwe ngamalungu ombutho iMbonombini ngeCawe umhla we 12 kuCanzibe.

Ngethuba lolutyelelo amalungu umbutho aphekele le ngwevukazi isidlo sasemini aze acoca nendlu yakhe kwilinge lokuvuyisana naye njengenxalenye yosuku lokubhiyozela oomama (Women’s Day).

I-Mbonombini ngumbutho ozimeleyo nozinze eKhayelitsha nojongene ncakasana nokunceda abantu abangathathi ntweni.

U-Nongawuza, nohlala yedwa, uchaze le mini nanje angasoze ayilibale ebomini bakhe.

Uqhube wathi sele enethuba ezihlalela nanje ngoko unyana wakhe ekwakukuphela kwakhe walandulela eli kwiminyaka emine edlulileyo.

Uthe ixesha elininzi uncedwa ngabamelwane xa efuna uncedo. “Andikhange ndiyilindele ke lena into yenzekileyo. Hlobo olu bekumnandi ngalo ndihleli nabantu sincokola sisitya. Ibingaske bangahambi, kaloku ixesha elininzi ndilihlala ndenwa kulendlu,” uthethe watsho uNongawuza.

Uqhube wathi ubulela nokuba amalungu ka Mbonombini athe azidina azakumcocela indlu, nesele inethuba ingacocwa ngendlela efanelekileyo. Uthe imisebenzi yabo ithetha lukhulu kuye.

“Kaloku andikwazi ukuma ixesha elide. Izinto ezininzi andikwazi ukuzenzela ngoba andikwazi ukuma, ndinemilenze eqaqambayo. Ndenza lonto ndifikelela kuyo, endingakwaziyo ukuyenza ndiyiyeke. Susela oko waswelekayo unyana wam ndihlala ndendwa. Ngamanye amaxesha ndiyasokola nokuya kwagqirha okanye ukuthatha iipilisi zam eklinikhi,” ucacise watsho.

Waleke ngelithi indlu yakhe itsho yantle yafana nezinye.

Umseki weMbonombini uNwabisa Mentile uthe babone kufanelekile ukuba benze into ezakuvisa uNongawuza kamnandi.

Ecacisa ukuba badibana njani noNongawuza, uMentile uthe bamaziswe ngumakazi wakhe.

“Umama uNongawuza ngumhlobo kamakazi wam. Ndithe kuba ndinalombutho uncedayo nalapha ekuhlaleni umakazi wam wandixelela ukuba unalomhlobokazi wakhe ungenabani nanqwenela ukuba simncede nokuba kungantoni na. Siye sathi sakubona sagqiba ekubeni ukuba simphekele kwaye sicoce nendlu yakhe kuquka nokuhlamba izitya saze satshayela. Siye sayipeyinta indlu ngaphandle nangaphakanthi,” ubalise watsho uMentile.

Uthe baye bamema nabamelwane kunye netshomi zikaNongawuza ukuba zihlale naye zizokumonwabisa.

U-Mentile nongenabazali uchaze ukuba lilolo nje ngento ebuhlungu kakhulu nathi kubalulekile ukuba abantu bathandane.

“Umntu ngumntu ngabantu, wonke umntu uyaludinga uthando. Siye sacela nabanye babahlobokazi baka Nongawuzana ukuba bamane bemtyelela ukuzama ukumchithisa isithukuthezi,” ulebele ngelitshoyo.

You need to be Logged In to leave a comment.