Umbutho woonotaxi i Congress of Democratic Taxi Association (Codeta) ububambe umsitho wokukhumbula “amaqhawe” ombutho athi asutywa kukufa esebenzela lo mbutho kwisikhululo sonootaxi eSite C ngoMvulo umhla wama 31 kweyeDwarha.
Lo msitho, nobukhatshwa yimithandazo, ubuquka abantu abathi baseka iCodeta kuquka, iinkokheli zokuhlala ezathi zaxhasa iphulo lokusekwa kwalo mbutho ngonyaka ka 1990.
Kususela ukumiselwa kwawo kweli leNtshona Koloni lo mbutho uzenzele igama ngezintle nezimbi.
Isithethi sombutho u-Andile Khanyi uvakalise ukuba kudala bayicinga into yalo msitho, koko baphazanyiswa ngubhubhane weKhorona.
“Besikhumbula amaqhawe athi avusa lo mbutho kaCodeta kunye nazo zonke inkokheli ezathi zawa. Ukuqala kwalo nyaka siye saququzela ukuze lo msitho ubekhona kwaye siyavuya side sayiqabelisa lonto,” utshilo uKhanyi.
Phakathi kwamalungu athe akhunjulwa kuquka iinkokheli zombutho ezifana noSydney Ncatha, Vusumzi Miselo, David Jezile, kunye noReggie Malindi.
“Siyabulela kakhulu into yoba lo msitho uqabelisiwe sikhumbula bonke abawayo, nanjengoko siyazi abanye bahamba kakubi behamba ngeembumbulu. Abanye bathi bagula basweleka, la maqhawe ngawo athe abangela kubekho lo mbutho kungoko ke sithe masibakhumbule,” utshilo u-Khanyi.
Uhambise wathi abo bebebakhumbula ibingabaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke nabanye abathi badlala indima ebalulekileyo embuthweni.
“Siye sabiza zonke iintsapho zalamaqhawe, kwaye siye sacinga ukuba singathi ngenxa yokuba belele sibalibale. La maqhawe ngawo athe abangela namhlanje kubekho uCodeta, kwaye sixhamla nje namhlanje kungenxa yabo,” utshilo uKhanyi esithi asoze babalibale.