Iqela labantwana abancinci iKasi Talented Young Stars, lase Town Two eKhayelitsha, lizakube linomnyhadala kwiholo yoluntu iBlue Hall nelaziwa nje ngePhilani, ngoMgqibelo umhla wama 28 kweyeDwarha. Kumenywa wonke umntu okufutshane nokwaziyo ukuphumelela azobukela ukuzama ukuxhasa eliphulo. Umcimbi uzakuqala ngentsimbi ye 10:00 kusasa ukuyakutsho emva kwemini.
Ngeenkcukacha ezithe vetshe qhakamshelana noSibahle Gxasheka ku 066 043 3509.