Unikezele ngezikhwehle kumalungu ogcino-cwangco umhlali

Amalungu ombutho wokhuseleko ekuhlaleni (neighbourhood watch) eMandela Park azingomba amacala emva kokuba ephiwe izikhwehle (eziquka umntla nomzantsi) ezingama 40, ngomnye wabahlali kulenginqi ngenjongo yokubakhuthaza kumsebenzi wabo.


Amalungu ombutho wokhuseleko ekuhlaleni (neighbourhood watch) eMandela Park azingomba amacala emva kokuba ephiwe izikhwehle (eziquka umntla nomzantsi) ezingama 40, ngomnye wabahlali kulenginqi ngenjongo yokubakhuthaza kumsebenzi wabo.

Lo msitho ububanjwe kwiholo labantu abadala iSamora Machel ngolweSibini umhla we 6 kweyeSilimela.

U-Nomhle Mondi, nosele ethathe umhlala phantsi, uthe ubone kufanelekile ukuba enze amatiletile ukukhuthaza eli qela.

Uthe susela oko kwabakho abantu abahamba hambayo, nabagcina ucwangco kula ngingqi, ubundlobongela behla.

“Ngokuya ndibona imisebenzi yabo abasenzela yona ekuhlaleni ndiye ndabona ukuba kunyanzelekile ukuba mandigushuze. Ndiye ndathatha isigqibo sokuba ndiye apho ndandisebenza khona, eVineyard Hotel eNewlands, ndithethe nabe sakuba ngabaphathi bam ndicele ezi zikhwehle ukulungiselela imvula ngeli xesha lasebusika,” utshilo uMondi.

Waleke ngelithi omnye umnqeno wakhe kukuba bafumane nokuba ngoonomathotholo ukuze bakwazi ukunxibelelana xa besendimeni.

U-Mondi uchaze la malungu nanje ngamatsha ntliziyo nangoyiki ngokoyikisawa.

Uqhubeke wathi babeka ubomi babo esichengeni behamba ngobusuku bekhusela ukuhlala.

Uchaze iMandela Park nanje ngenye yengingqi ezinengxaki nobugebenga, ingakumbi ukukhuthuzwa kuxhotyiwe kunye nokusetyenzisa kwakhulu kweziyobisi.

Uthe luxanduva lakhe nawuphi na umntu ukuba ancede apho akwazi khona.

Usihlalo wamalungu agcina ukhuseleko eHarare, nequka le ngingqi, uFuneka Soldaat uthe kuyabachulumancisa ukubona ukuba kukho abantu abakhathalayo nabawuthathela ingqalelo umsebenzi abawenzayo.

Uthe bavuyiswa kakhulu kukubona ukuba ngumntu ongumama lo ubakhuthazayo.

“Isenza ilunda into yokuba njengokuba sisebenza nje kanti kukho abantu abasijongileyo kwaye bangapheleli nje ekusijongeni benze into.

“Enye into esichukumisileyo kukufumanisa ukuba lo mama usipha ezi zikhwehle ngumntu nje ongeyonto, kwaye sele wade wathatha umhlala phantsi. Ithi lonto nabani na okwaziyo okanye onamandla anganceda apho akwazi khona,” utshilo Soldaat.

Uye wabongoza abahlali, ingakumbi ulutsha, ukuba bazibandakanye namalungu ogcina ukhuseleko kwingigqi zabo ukuzama ukulwa ubundlobongela.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.