Uphuhliso lweVosho

Bamayela newaka (1 000) abahlali bendawo yamatyotyombe iVosho, kufutshane naseNkanini, ekulindeleke ukuba bafuduswe nanje ngoko lo mhloba wawubukelwe bucala ukuqhubeka nophuhliso.


Bamayela newaka (1 000) abahlali bendawo yamatyotyombe iVosho, kufutshane naseNkanini, ekulindeleke ukuba bafuduswe nanje ngoko lo mhloba wawubukelwe bucala ukuqhubeka nophuhliso.

Ukufuduswa kwaba bahlali besisiwa kwindawo yethutyana kufuphi nase Zwezwe kuqale kwinyanga yoMdumba.

Ukanti ngamatyotyombe angama 342 ekulindeleke ukuba okhiwe ukuhlangabezana nale meko.

Oku kukholeleka ekubeni kuza kuthi kuthintele uthotho lweengozi ebezithe gqolo ukwehla xana abahlali benqumla umgaqo ukuya kuzithuma kwityholo elikufuphi.

U-Ceba wale ngingqi uAyanda Tetani uthi ngeli nyathelo kuzakuxhamla abantu baseNkanini kunye naba baseVosho,

U-Tetani uthi bekunzima ukuzisa iinkonzo kule ndawo nanjengoko yakhiwe kwindawo embi.

“Abahlali bekufuneka baye ehlathini ukuze bakwazi ukuzithuma. Ngamaxesha wambi bebeba ngamaxhoba okutshayiswa ziimoto ezibalekayo kwindlela iBaden Powell,” utshilo uTetani.

Uqhube wathi olu thutho luzakuchaphazela abantu abaliwaka, kodwa indawo abaya kuyo izakubangcono.

“Njengoko kusaqhutyekekwa ngolwakhiwo lwalendawo, abahlali bazakubanawo amanzi kunye nendawo yokuzithuma. Noko le indawo ayizofana kwaphela kunye nendawo ebebehlala kuyo ngaphambili,” utshilo uTetani.

Uqhube wathi bekukhe kwakho ukugrogriswa koluntu, nalapho bekukho amarhe athi bazakubatshisela kwindawo leyo basiwa kuyo.

“Asiyazi bezivela ngaphi ezi zigrogriso, kodwa ke noko izinto ziyaqhuba kakuhle ngoku. Abantu bavumile ukususwa ngoba nabo bayayzi imeko ebebephila phantsi kwayo kule ndawo yaseVosho,” utshilo uTetani.

Umhlali kule ngingqi uNeliswa Sonti (onama 42 eminyaka) uthi khange kubenzima kuye ukusuka kula ndawo nanjengoko imeko ibingentlanga kwaphela.

“Ukususwa kwityotyombe usiwe kwelinye ayonto siyinqwenelayo leyo, kodwa xa imeko zisitsho uye ukhethe nayo. Apha noko kungcono kakhulu ngoba siyakwazi nokusebenzisa indlu yangasese yethutyana into ebesingenayo pha eVosho,” utshilo uSonti, ongumama wabantwana abathathu.

U-Sonti ukholelwa ukuba bazakutsho baphumle ekuboneni imizimba ibitshayiswa ziimoto.

“Ubomi bethu bebusemngciphekweni kakhulu kula ndawo ngoba bekufuneka siwele indlela exakekileyo uyokuzinceda ehlathini.

“Nangoku sibone iizinto ezimasikizi kula ndlela, nanjengoko besikwazi novuka kukho umzimba othe dundululu ecaleni kwendlela,” wongeze ngelo uSonti.

Uthi unqwenela ukuba lukhawuleze uphuhliso lwale ndawo ukuze babone ukuba bazakuphelelaphi.

U-Ceba akhange abenakuqinisekisa ukuthi kwakugqitywa nini ukususwa kwabantu kule ndawo ukuze kuqaliswe ukusetyenzwa.

U-Ndithini Tyhido, usihlalo weqoqo lophuhliso eKhayelitsha, uthi owabo umnqweno kukuba oko kwakuthenjiswe abantu kufezekiswe.

“Ingcinga zethu zokuqala nento esiyinqwenelayo eKhayelitsha kukubona le ngingqi ingabinawo amatyotyombe. Okubalulekileyo abantu bakuthi kufuneka bexhamle kwiinkonzo zikarhulumente kwaye kula ndawo bebekuyo oko akukwazeki ukwenzeka,” utshilo uTyhido.

Uthi banethemba abo baza nalento yokukufudusa abantu bebasa kwindawo yethutyana bakuzibamba izithembiso zabo ukuze le ndawo intsha ingabi yindawo yamatyotyombe anaphakade.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.