U-Nothemba Grootboom noneqhayiya nebhongo ngoLindile Shasha obeke isikolo sakhe i-Oscar Mpetha emagqabini.


Isikolo samabanga aphakamileyo i-Oscar Mpetha kwingingqi yaseNyanga, sinebhongo neqhayiya ngomfundi waso othe wawongwa ngenxa yombongo wakhe ohambe phambili kukhuphiswano lwemibongo kwiphondo leNtshona Koloni.

Olu khuphiswano lathi lwabhengezwa ngumphathiswa wezeemfundo ephondweni uDebbie Schäfer kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, ngexesha kubhiyozelwa inyanga yamathala encwadi kwihlabathi, i-International School Library Month (ISLM) ngolwimi lwasemzini.

Olu khuphiswano luthe lwanika abafundi ithuba lokuba baphumelele imali engama R25 000, ukuze izikolo eziphumelelayo zikwazi ukulungisa izinto ezonakeleyo kumathala azo.

Abafundi kuye kwafuneka babhale umbongo phantsi komxholo othi “My Covid Journey”, nalapho abafundi bathe babhentsisa indlela igongqongqo leKhorona elithe labachaphazela ngayo.

Ukanti u-Lindile Shasha (one 16), nohlala eKTC, uthi khange akholelwe xa exelelwa ukuba nguye umfundi ophume phambili kolu khuphiswano, emva kokutyujwa kwakhe ngomhla wama 17 kweyoKwindla. “Ndothuke andakholelwa kodwa ndabe ndinovuyo olukhulu ukuva ukuba ndim ophumeleleyo. La mbongo wawuphuma entliziyweni yam ngelalixa ndandiwubhala,” utshilo uShasha.

Uchaze umbongo wakhe nanje ngochaphazele into yokunganxitywa kwezifonyo, ukungaqelelani kunye nokungavaswa kwezandla, nanto echasene nomyalelo karhulumente.

“Abantu bebefuna ukunyanzelwa ukuze balandele le miqathango. Ibikokokuqala ukuba ndibhale umbongo kwaye ukuphumelela kwam kundinika umdla wokuba ndibhale rhoqo,” utshilo uShasha, okhangeleka njengomntu onentloni.

Intloko yesiXhosa kwesi sikolo uNothemba Grootboom uthe bavuye kakhulu besi sikolo ngodumo uShasha abenzele lona. “Sonwabe kakhulu, kwaye uyakuhlala ezincwadini zethu njengomntana owathi wavuselela ithala lencwadi kwesi sikolo. Le mali ayiphumeleleyo izakunceda isikolo kakhulu,” utshilo.

U-Schäfer uthe wavuyisana nabaphumeleleyo kwakunye nezikolo. “Ndikwajonge phambili ndinomdla wokubona ukuba elixabiso lemali isikolo sizakuyisebenzisa njani na. Ndikwabulela zonke inqununu kunye nootitshala abathi balungiselela baze bangenela olu khuphiswano, ndinawo nomqweno wokufumana amanani amaninzi abo bangeneleyo kwixa elizayo,” utshilo Schäfer.

Uhambise wathi okubaluleke kakhulu ubulela abafundi abathi bakhetha ukubalisa amava abo ngesi sifo. “Kubanzima ngamanye amaxesha ukuthetha ngoko kusehlelayo, kakhulu kakhulu xa imfundo ithe yachaphazeleka kule minyaka mibini idlulileyo. Ndiyaziqhenya ngokuthi bafune ukwabelana ngamabali abo nathi, ndinethemba ibelithuba eli lokuba nabo bakhululeke engqondweni,” waleke ngelo Schäfer.

You need to be Logged In to leave a comment.