Usapho lakwa Motisi eNY 100 eGugulethu lucela uncedo malunga nonyana walo, nokukrokreleka ukuba uthe gabhu kwiziyobisi ukuba bamhlangule.
U-Eunice Motisi (onama 68 eminyaka) uvakalise ukuba yiminyaka engapha kwemihlanu unyana wakhe onama 30 eminyaka esebenzisa iziyobisi.
Uthe eyona nto imenze waphakama kukuba ethe watshisa indlu yakhe ebelala kuyo kunye nezinto ezingaphakathi. “Kudala ndithetha naye akamameli. Ingxaki yakhe uyamosha kwaye uyeba.
“Ndaqala ukumqaphela xa ndimthume evenkileni, esoloko ebuya nemali engaphelelanga okanye kungekho kwa iphepha elo (islip) libonisa itshintshi.
“Apha kweziveki zidlulileyo uye waba izixhobo zokulungisa imoto zikatata wakhe emva koko wanyamalala.
“Uzobuya ngoMgqibelo umhla wesibini kule yeKhala wacela ukuba ndimphe i-R30 uzothenga roll-on. Ndithe ndakuthi andinayo waphuma egqwashula wemnka. Ethubeni ndive kusithiwa kuyatsha andahoya ngoba khange ndicingele nto,” ucacise watsho uMotisi.
Waleke ngelithi ubone selekungena abantu eyadini bezocima umlilo.
Uhambise wathi yonke into ibikulandlu ilala unyana wakhe itshele ngaphakathi.
“Ndikrokrela ukuba uyitshise la ndlu kuba ndingakhange ndivume ukumnika la mali ebeyifuna. Asilali notata wakhe ngenxa yalo mntana. Iziyobisi sele zilapha kuye emzimbeni ngoku. Sicela amancedo nokuba anjani okokuba sohlukane nale ngxaki sikuyo,” uthethe watsho uMotisi.
Uqhube wathi umgqibele ngalamini ebetshisa ngayo indlu akamazi nokuba uphi ngoku.
Utata wale ndedeba uPatrick Motisi uchaze unyana wakhe nje ngoxakileyo.
“Akalali lo mntana utshaya le nto yakhe. Ezinye zezinto zam ndincame ndazitshixela ebhuthini yemoto ndihamba nazo apha esithubeni ngoba kaloku ndizibalekisa kuye angazithatha. Unamaxesha arhuqe iitoti apha eyadini,” utshilo Patrick.
Uthe akakhathali noba angabanjwa avalelwe ahlale ejele ubomi bakhe bonke ngoba ubomi babo busemngciphekweni ngenxa yakhe.