Usapho lukhala ngeLuvuyo

Lufuna iimpendulo usapho lakwaNikelo, ePhilippi, kwinto abathi kukuphanza kombutho kamasingcwabane ukuhlawula ngokwesivumelwano abanaso kunye nawo.


Lufuna iimpendulo usapho lakwaNikelo, ePhilippi, kwinto abathi kukuphanza kombutho kamasingcwabane ukuhlawula ngokwesivumelwano abanaso kunye nawo.

Olu sapho luthi sele kugqithe inyanga lulinde intlawulo yebango kumbutho iLuvuyo Burial Society kulandela ukusweleka kwelungu losapho uNolimoti Notatsu Dineko, kwinyanga kaTshazimpunzi kulonyaka.

Ngokwengxelo yosapho, lo mbutho bekufanele ubuyekeze usapho nge R10 000, mali leyo bekumele bayifumana emva kokusweleka kuka Dineko.

Olu sapho lutyhola ngelithi oko lalijonge enkalweni, lwade laba luyangcwaba imali ingekade ingene.

Ilungu losapho u-Bongisa Nikelo (onama 31 eminyaka) uvakalise udandatheko yile meko. Uqhube wathi ngebabechanekile ukuba umakhulu wakhe babengamfakanga kwezinye iipolisi.

U-Nikelo uqhube wathi wazibandakanya nalo mbutho ngomnyaka ka 2019, kwaye akazange abesemva ekuhlawuleni.

“Bendiqala ukuswelekelwa lilungu, kwaye indiphatha kabuhlungu kakhulu into yongahlawuleki emva kweminyaka ndililungu likaLuvuyo. Oko ndandifake isicelo sentlawulo ngomhla wama 25 (kuTshazimpunzi), kodwa ndisalindile nangoku,” utshilo uNikelo.

“Xa uthe wafaka isicelo sentlawulo (claim) ubulinda ixesha elipha kwiyure ezingama 24, kodwa lagqitha eloxesha sade sayombeka umakhulu kwikhaya lakhe lokugqibela eKomani kungekho nto ivakalayo kuLuvuyo,” utyatyadule watsho uNikelo.

Ulebele ngelithi udandathekile yindlela athe waphathwa ngayo ngulo mbutho.

“Bendifuna ukwenzela umakhulu wam ilitye, kodwa onke loo maphupha atshabalele xa abantu bakwaLuvuyo bengafuni kundibhatala.

“Ndikhathazekile kakhulu ngendlela endiphetheke ngayo ngoba zange ndaba ngasemva ekuhlawuleni ukuphela kwenyanga kwaye bendiqala nokufaka isicelo sentlawulo emva kokusweleka kukamakhulu wam,” utshilo uNikelo.

Kwiinzame zokufumana iimpendulo kule nyewe, iCity Vision iye yaqhakamishelana nalo mbutho.

Umntu ophendule umnxeba nozichaze njengo Portia, watsho ekhaba ngawo onke ngefani yakhe, uthe olu sapho luseluhlwini oluzakubhatalwa nangona engenakuqinisekisa iyakwenzeka nini lonto.

Emva kwamatyeli sibafowunela uPortia uqhubekeke ngelithi umphathi uxakekile ntoleyo esivimbe ukuba sikwazi ukuthetha nabo ngelixa sibazana kwimfonomfono ngoMvulo we13 kweyeSilimela.

NgoLwesibini umhla wama14 kweyeSilimela imfonomfono ebesithetha nayo kuyo noPortia akhange iphakanyiswe amatyeli ngamatyeli.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.