Uyazingca umbhali

Umbhali wencwadi yemibongo osakhasayo uAndisa Mbali upapashe incwadi yakhe entsha kule nyanga yoMsintsi, ngenjongo zokukhuthaza uluntu, ingakumbi ulutsha ekufundeni isiXhosa.


Umbhali wencwadi yemibongo osakhasayo uAndisa Mbali upapashe incwadi yakhe entsha kule nyanga yoMsintsi, ngenjongo zokukhuthaza uluntu, ingakumbi ulutsha ekufundeni isiXhosa.

Le ncwadi nenesihloko esithi Ichiza Lokunyanga iAfrika inemibongo engama-37.

U-Mbali (onama 39) nohlala kwisitalato iNY110 eGugulethu, nozibiza njengembongi yosiba, uthi uqale ukubhala imibongo esafunda amabanga aphantsi.

Waleke ngelithi uqale ukuthathela ingqalelo isakhono sakhe ngonyaka 2013, nalapho athi uqale khona ukuqokelela imibongo. “Mna ndizibiza nje ngembongi yesiba nalapho ndiye yonke imibongo yam ethe yafika engqondweni ndiyibhale phantsi. Inkoliso yemibongo yam ndiye ndivuke nayo emathongweni. Nangoku ndingatsho ndithi umyinge ongama 80% yemibongo ekulencwadi ndivuke nayo ndilele. Ndiye ndithi ukothuka kwam ndikhawulezise ndibhale,” ucacise watsho uMbali.

Incwadi entsha yemibongo kaAndisa Mbali nenesihloko esithi ‘Ichiza Lokunyanga iAfrika’

Uqhube wathi amaxesha amaninzi ubhala ngezinto ezenzekayo empilweni yakhe kunye nasekuhlaleni jikelele. Ukhankanye umbhali weencwadi zesiXhosa owaziwayo uWelile Shasha nje ngomnye wababhali omkhuthazayo kunye namthandayo. “Umnqweno wam kukubona incwadi yam ifundwe nasezikolweni ukuzama ukuphuhlisa ulwimi lwenkobe. Ababhali abaninzi babhala iincwadi zabo ngesingesi kuba besithi ukubhala ngesintu kukuchitha ixesha. Mna ndiyazingca ngolwimi lwam kwaye ndifuna ukulibona liqaqambile,” uthethe watsho.

Le ncwadi ixabisa iR130 xa uyithenga kuye ngqo. Ngeenkcukacha ezithe vetshe abantu bangamtsalela umnxeba kuye kule nombolo 072 799 6824.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.