Uzenzele igama umfundi wesikolo iSiphamandla kwi matric

Aliwuvali umlomo ityendyana ebelisakuba ngumfundi kwisikolo samabanga aphakamile iSiphamandla, eKhayelitsha, emva kokwenza indumasi ngokuba ngomnye wabafundi abaphume emagqabini kwiimviwo zebanga le 12 kunyaka ophelileyo.


Aliwuvali umlomo ityendyana ebelisakuba ngumfundi kwisikolo samabanga aphakamile iSiphamandla, eKhayelitsha, emva kokwenza indumasi ngokuba ngomnye wabafundi abaphume emagqabini kwiimviwo zebanga le 12 kunyaka ophelileyo.

U-Likho Jim (one 17 leminyaka), nohlala kumatyotyombe aseNkanini, wothulele umnqwazi ootishala bakhe kunye nabanye abafundi ngendima abayidlalileyo nangenkxaso ngethuba bejamelene neemviwo zokuphela konyaka.

“Bendingalindelanga ukuba ndingade ndiphume emagqabini kwizifundo eziliqela. Eneneni kona bendilindele ukuba mhlawumbi ndingagqwesa kwizifondo ezintathu, kodwa ndothuke kakhulu xa zide zantlanu,” utshilo.

Lo mfundi ufumene umyinge wama 97% kwi Accounting, Maths Literature 88%, Economics 88%, Business Studies 91%, Life Orientation 82%, waze wafumana u76% kwisiXhosa no 78% kwisiNgesi.

Ephawula ngendlela ebefunda ngayo, uJim uthe ebeqinisekisa ukuba ufunda iiyure ezimbini emva koko athathe ikhefu le yure aphinde abuyele ezincwadini zakhe.

“Mna bendifunda ndodwa ngoba ndabona ukuba ukufunda nabanye abantu akundisebenzeli. Ndaqaphela ukuba abanye abafundi abafuni kuthetha basoloko bemamela kwabanye abantu. Esikolweni besingena iiklasi zakusasa ngentsimbi yesixhenkxe ekuseni, ziphume ngeyesibhozo kube sele kungena isikolo.

“Xa siphuma isikolo besiphinda singene iiklasi zase mvakwemini ebeziqala ngo 16:15 ziphume ngentsimbi yesihlanu,” cacise watsho uJim.

Waleke ngelithi ebesithi xa esendlini aqalise ukufunda kwakhona ngentsimbi yesithandathu ukuya kuma ngeyesibhozo ebusuku, aphinde athathe ikhefu leyure abuyele ezincwadini ngentsimbi yethoba ukuya kuma ngentsimbi 23:00 qho phakathi evekeni.

Akuphelelanga apho.

NgoMgqibelo ebesiya kwezinye izifundo, ukuphuma kwazo aqalise ukufunda kwakhona ngentsimbi yesine ukuyakutsho ngeyesithandathu akugqiba aphumle aphinde abuyele ngentsimbi yesibhozo ukuyakuma kweyeshumi.

Ukanti imini yange Cawe ebeyichitha ngokuya ecaweni, abuye aphumle imini yonke. Uhambise wathi bekungekho lulo ngoba bekuye kunyanzeleka ancame abahlobo kunye nezinye izinto.

Kungoku nje lo mfundi ungxangele ukwenza izifundo ze Bachelor of Social Science (BSocSc) kwidyunivesithi yase Kapa.

Ukanti uqhube wathi uyayiqonda ukuba umgangatho uzakuxhoma kwaye kuza kunyanzeleka ukuba onyuse iikawusi nangakumbi, watsho esothulela umnqwazi umakazi wakhe ngenkxaso. “Ibingoyena mntu ebendikhuthaza kakhulu nobendiququzelela ukuba ndifake isicelo sokufunda,” utshilo .

Ecebisa abanye abafundi abenza ibanga le 12 kulo nyaka ubabongoze ukuba bamamele, kwaye bathobele ootitshala babo lonke ixesha. Ulebele ngelithi kubalulekile ukuba babuze kootitshala xa bengacacelwanga.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.