Uzikhabele kude umsasazi kanomathotholo wasekuhlaleni eKhayelitsha ingxelo ezithe ndi kumakhasi ezonxibelelwano ezimtyhola, zimtyibeka ngokudlwengula.
U-Zweli Nokhatywa, ongumphathi weenkqubo kwijelo i-Zibonele ezinze e-Ilitha Park, umemelele kulowo umtyholayo ukuba aye emapoliseni ayokuvula ityala okanye adibane nonoontlalontle bamncedise avule ityala.
Kwingxelo ebhalwe ngolwimi lwesiNgesi, u-Nokhatywa utyholwa ngokuqasha amanina ngezesondo. Umbhali weli nqaku uhambisa athi wayesakuba ngumsebenzi kwesi sikhululo sikanomathotholo, waze wagxothwa. Le mbalelwano ihambisa ithi abasasazi abangamanina kwesi sikhululo bangakungqina oku.
U-Nokhatywa uthi ezi ngxelo zimonzakalisile, kwaye izityholo zodlwengulo umntu zimbeka ibala elibi.
“Kule minyaka iyi-28 ndibandakanyeka kwezonoondaba zange kwathethwa kakubi ngegama lam. Liyelenqe kwanesenyeliso esi,” utshilo uNokhatywa, ngexesha londliwanondlebe ngemfono-mfono ne City Vision.
U-Nokhatywa uhambise wathi ekuqaleni khange ayithathele ngqalelo lento kodwa uphinde wacinga banzi ngobuzaza bayo.
“Kum ezindaba zifike ngoMgqibelo, kwaye zifika kanye xa sisilwa eli dabi lethu apha esikhululweni. Kungoku nje sendiwabikele amagqwetha wam kwaye ndivule netyala kuye nabani othe wasasaza ezingxelo kumakhasi ezonxibelelwano,” utshilo uNokhatywa.
Uqhube wathi kuzo zonke izinto lomntu okanye aba bantu baqonde mabarhuqe isidima sakhe eludakeni ngezingxelo. “Lento iluchaphazele kakhulu usapho lwam, kwaye ndichithe into engaphaya kweyure ezimbini nentombi yam ndiyicacisela ngalento,” waleke ngelitshoyo.
Uhambise wathi akukho kwanto eyile, nanjengoko yena engazange wenza nto imbi mntwini.
Usajini Xoliswa Nyalambisa, osisithethi samapolisa aseLingelethu ugqinile ukuba uNokhatywa ulivulile ityala lokugqwaliswa kwegama lakhe (defamation of character) ngabantu abathe babhala ngaye kumakhasi ezonxibelelwano.
“Ukuzokuthi ga ngoku akukabanjwa mntu malunga nezizityholo. Uphando lwethu singamapolisa luyaqhubeka,” utshilo uNyalambisa.
*IZibonele isecicini lokuvalwa emva kokuba ingazifumenanga iimpepha zokusasaza kwi-ICASA (Independent Communications Authority of South Africa) nenika izigunyaziso zokusasaza kumajelo osasazo.