Wenz’ ezibukwayo uMagunyani

Besimi ngxi isikhululo sezithuthi zikawonke-wonke eSite C ngoMgqibelo umhla wesihlanu kweyoMdumba ngethuba imvumi edume kakhulu kumculo kamasikhanda uCeluxolo Mafongonyane (48) esenza adume ngako.


Besimi ngxi isikhululo sezithuthi zikawonke-wonke eSite C ngoMgqibelo umhla wesihlanu kweyoMdumba ngethuba imvumi edume kakhulu kumculo kamasikhanda uCeluxolo Mafongonyane (48) esenza adume ngako.

Lo msitho ibiliphulo lale mvumi lokuthengisa icwecwe layo elitsha kunye nokonwabisa abalandeli.

U-Mafongonyane, nodume ngegama lika ‘Inkunzi Magunyani’ kwiqonga lezomculo, ibashiye abathandi bomculo bengayivali imilomo yimincili.

U-Magunyani uchaze ukucula kunye nokudlala isiginkci nanje ngento akhule ezenza.

Le mvumi, nesele inamacwecwe asixhenxe phantsi kwebhanti layo, ithi isazimisele ukuqhubeka ifundise abantu ngomculo wayo.

Uchaze ukucula njengento esisiphiwo nendlela yokugqithisa umyalezo eluntwini. “Ndiqale ukudlala isiginkci ngomnyaka 1988 ndandineminyaka eli 14 ngoko. Kodwa icwecwe lam lokuqala elithi ‘Isikhathi Sami’ ndilikhuphe ngonyaka ka 2000. Emva koko kwalandela elithi ‘Sibiziwe’ lona ndalikhupha ngonyaka ka 2006. Ndaphinda ndakhupha elithi ‘Amaqhawe’ lona ndilikhuphe ngo 2008. Ukanti lona lilandelwa lelithi ‘Umsebenzi’ endandilikhuphe ngonyaka ka 2010. Emva kwelo kulandela elithi ‘Mabeze Abantu Ingoma Ndiyibambile’ lona ndilikhuphe ngonyaka ka 2012. Leyo ilandelwa licwecwe elithi ‘Idunga Mzi’ endalikhupha ngonyaka ka 2014 kugqibele eli lithi ‘Iyanyang’ingoma’ lona bendilikhuphe ngonyaka ka 2019,” ucacise watsho.

Nanje ngeemvumi zonke uthe ucula kudederhu lweevekile ezahlukeneyo, ezikhululweni zezithuthi zikawonke-wonke, emitshatweni nasemigidini ukuzama ukonwabisa abantu.

Uthe umculo wakhe ugxile kakhulu kwizinto ezenzeka eluntwini. “Ngamnye amaxesha xa ndibhala ingoma ndibhala ngezinto ezindehleleyo empilweni yam kunye nezenzekayo ekuhlaleni. Kodwa andiyiyo le mvumi icula ngabantu okanye ikwekwayo. Ndibhala ngento ezokuthi nomnye umntu xa eyimamele imenze achukumiseke,” ucacise watsho.

Uye wakhala kakhulu, egxeka abantu ababa umculo wabo bawuthengise ngokungekho semthethweni, watsho esithi bayawubulala lo mculo. “Sizimvumi ezininzi siyasokola ngenxa yabantu ababa umculo wethu. Sihluphekile asinamali siyazama kodwa kukho abantu ababulala umculo wethu. Sibulalana sodwa singabantu abamnyama siyamonelana,” ukhale ngelitshoyo.

Uvalelise ngelithi icwecwe lakhe lilinye lixabisa ama R70, kwaye afumaneka kuye onke. Xa umntu emfuna ukuba ayokucula kwitheko lakhe okanye efuna icwecwe angamtsalela umnxeba ku 073 203 2514.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.