Wenze imbali u-Sma

Ibiyimivuyo nemincili kwingingqi yakwaLanga ngeCawa umhla we-7 kuCanzibe ngethuba iqaqobana labahlali lityhutyha izitalato zalangingqi livuyisana nentshatsheli entsha yabasetyhini emanqindini uSimamkele Tutsheni.


Ibiyimivuyo nemincili kwingingqi yakwaLanga ngeCawa umhla we-7 kuCanzibe ngethuba iqaqobana labahlali lityhutyha izitalato zalangingqi livuyisana nentshatsheli entsha yabasetyhini emanqindini uSimamkele Tutsheni.

Le ntwazana eminyaka ingama 22, nehlala kwindawo yamatyotyombe iJoe Slovo, izenzele udumo ngethuba ibetha ibhulela amasaka uLufuno Muntshayi wase Rhawutini.

Umlo wesi sibini ngomnye wemilo ibiphambili kwinkundla yezemidlalo i-Vibrant Sport Centre eOttery, ngoLwesine umhla wama 27 kuTshazimpunzi.

U-Tutsheni, nobesilwa imijikelo elishumi, uphumelele ngamanqaku.

Ephawula ngempumelelo yakhe, uTutsheni uwuchaze lo mlo nanje ngobunzima kakhulu. “Yhooo bekufiwa, inezithonga la ntombazana. Kodwa nam bendize ndizilungiselele. Ngexesha bendizilolonga bendizilungiselela imijikelo elishumi. Eyokumbetha ndimphose egadeni ibizakuba yi-bonus. Kodwa ubunzima la mdlalo,” uthethe watsho uTutsheni.

Uhambise wathi eyonanto imchulumincisileyo kukuba wenze imbali ngokuba ngumntu wasetyhini wakuqala ukulibamba eli bhanti kwiphondo leNtshona Koloni.

“Liyaqala ukulwelwa eli bhati, azange labakhona. Ndingumntu wokuqala ukuliphumelela. Lonto nje iyodwa yinkuthazo enkulu kum nendingazange ndayicinga ebomini bam. Yimbuyekezo nje eyodwa engathethekiyo,” uthethe watsho uTutsheni.

Le mbethi manqindi, nenkaba yayo ise Ngqeleni, eMpuma Koloni, ichaze ezemidlalo nje ngento esegazini.

Uhambise wathi wafika kweli leNtshona Koloni ngomnyaka ka 2016, wazibandakanya neqela lomboxo lamantombazana i-Busy Bee yakwaLanga.

Uqhube wathi uqhubekile elidlalela kwade kangunyaka ka 2021, nalapho wathabatha isigqibo sokuzibandakanya namanqindi.

“Into eyandibangela ndizibandakanye namanqindi kukufuna imali. Ndazibandakanya namanqindi ngomnyaka ka 2021, ngonyaka ka 2022 ndabe sele ndisilwela udidi oluhlawulwayo. Ndiyawuthanda nje umdlalo onongquzulwano phakathi,” watsho eyihleka. Uqhubeke wathi ebezilolonga uqala ngentsimbi yesihlanu emva kwemini uyakuma ngeyesixhenxe xa ebuya emsebenzini.

U-Tutsheni ubulele abahlali bakwaLanga ngendlela ababonise ngayo inkxaso kuye, watsho esithi khange ayilindele.

Inkokheli yokuhlala uAlfred Magwaca uthe abawuvali umlomo ngenxa yodumo abalenzelwe nguTutsheni. Uthe uthathe uLanga wambeka phezulu. “Lena yimbali enkulu kuLanga wonke. Lonto ithetha ukuthi nedayimani ungayifumana emngqubeni ngoba uSma uhlala kwindawo apha edume kakubi ngenxa yezigilamikhuba,” uthethe watsho uMagwaca. Uthe impumelelo kaTutsheni yinkuthazo enkulu nakwabanye abantwana.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.