Ishiyeke ibhonte-bhonte intwazana ehlala kwingingqi yakoo I, eKhayelitsha, u-Natasha Thengeni (onama 28 eminyaka) emva kokugalelwa ngamanzi abilileyo oku komleqwa.

Esi sihelegu, nesishiye le ntombi igcuma ziintlungu, kutyholwa ngokuba senziwe ngumnikazi wendawo yentsela eyaziwayo.

Kungoku nje le ntwazana ibongoza abezomthetho ukuba badlale indima yoba ukuze iinyembezi zakhe zingaweli phantsi.

U-Thengeni utyhola umnini wesimokolo, nobizwa ngegama likaMakoti, ngokumtshisa ngamanzi abilileyo ngobusuku bangoMgqibelo umhla we-18 kweyoNkwindla.

Echubela iCity Vision ngokuthe kwenzeka, uThengeni uthe ingxaki yaqala ngoLwesihlanu umhla we-17 ngethuba esilwa nomnye umfana ohlala kwaphaya esitratweni sakhe ngobusuku phambi kwale ndawo yentselo.

Uhambise wathi kuloo mbodamo waphuma uMakoti kunye nomyeni wakhe bephethe iintonga bababetha. Uvumile ukuba ngethuba lesi siganeko babezintyintye ngobhelu lomsele.

“Baphuma nje bangqala kuthi basibetha, ingakumbi mna. Bandigomba kanobom ndabaleka,” uhambise watsho.

U-Natasha uchazele iCity Vision ukuba amahamba nandlela emchazela ukuba akamnkelekanga kule ndawo kwakhona.

“Ngokuqhutywa ngumxilo, ndiphindile ndaya phaya ngeCawe ezinzulwini zobusuku. Ndithe ndingena abantwana baphaya ababethengisela bandixelela ukuba mandihambe ebethe umama wabo mandingangeni,” ucacise watsho uThengeni.

Waleke ngelithi eneneni uthenge nje waphuma. Uqhube wathi uthe sele ephumile apha esimokolweni, wadibana nomnye umhlobo wakhe baze bajika babuya umva.

“Ndithe xa sigqibokuphuma singena erhangeni kanye ecaleni kwesi simokolo ndive ngamanzi ashushu esihla entloko. Ndiye ndakhala kukothuka. Ndithe xa ndijonga phezulu kanye kwelicala avela ngakulo ndabona uMakoti ephethe iketile eme kumgangatho ophezulu endijongile. Ndiye ndahlala phantsi ndabe ndisitsha. Ndithe xa ndikhulula ijezi ndabe apha emqolo sele ndinamadyunguza,” ubalise watsho. Waleke ngelithi utshe ebeleni kunye nasentloko.

U-Thengeni uthe ngentseni yangeCawe umhla we-19 wavuka waya kuMakoti ekhatshwa ngabahlobo bakhe ababini kunye nomnye umama ekuhlaleni ngenjongo yokukubonisa umonakalo awenzileyo.

Uthe zange abonakalise ukuzisola uMakoti ngesenzo sakhe. “Ndifuna ukumbona ekwesimnyama isisele. Makabanjwe ngoba kaloku unditshisele into endingayaziyo, kwaye bendingekho nakwakhe besele ndiphumile,” utshilo uThengeni.

Umama kaThengeni uThenjiwe Cungwa uxhase intombi yakhe ngelithi naye ufuna uMakoti abhadle ejele. “Sasikhe saxabana ke ngaphambile ngonyaka ka 2008, kodwa saphinda saxolelana savana. Andiyazi ke noba usabambe lonto na,” uthethe watsho.

Isithethi samapolisa kwisitishi saseLingelethu-West uSgt Xoliswa Nyalambisa usingqinile esi sehlo watsho esithi umrhanelwa ungaphandle ngebheyile.

You need to be Logged In to leave a comment.