Woluse iqela

Nangona lisemnyango ixesha lokoluswa kwamakhwenkwe, asinguye wonke ubani okwaziyo ukuhlangabezana neendleko ezihamba nalo msebenzi, ntoleyo iye ikhokelele ekubeni ezinye iintsapho zingakwazi ukufaka oonyana bazo.


Nangona lisemnyango ixesha lokoluswa kwamakhwenkwe, asinguye wonke ubani okwaziyo ukuhlangabezana neendleko ezihamba nalo msebenzi, ntoleyo iye ikhokelele ekubeni ezinye iintsapho zingakwazi ukufaka oonyana bazo.

Ukanti omnye wemibutho ejongene nolwaluko ephondweni iSomagwaza Institute yenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba akukho makhwenkwe asala ngaphandle.

NgoLwesibini umhla wesixhenxe kweyeNkanga, lo mbutho uthe wolusa amakhwenkwe angama 41, noninzi lwawo luphuma kumakhaya angathathi ntweni. Phakathi kwawo kuquka uxholovane onama 59 eminyaka.

Oyena mncinci kwaba bakhwetha unama 25 eminyaka.

Onke akwihlathi elithe tshitshilili ngakwisikhululo sika loliwe saseJoe Gqabi ePhilippi.

Ephawula ngalo msebenzi uSikelela Zokufa, oyingcibi edumileyo ephondweni, uchaze eli phulo nanje ngelisondele kakhulu entliziyweni yakhe. Uthe ukunceda abantu abangenanto yeyona nto imkhuthazayo. Uqhube wathi emva kokuqaphela iimiceli ejongene nezinye iintsapho, ugqibe ekubeni anganelele kulo unyaka.

“Nanjengoko ndiyenye yeengcibi ezaziwayo apha ephondweni, ndithe ngokuya ndisebenza kwamane kusiza iintsapho ezahlukeneyo zicela amancedo wokoluselwa abantwana babo kunye nezihlobo zazo zisithi azinanto. Amanye amakhwenkwe ade azizele azicelele. Siye sawuhlalela phantsi lomba namanye amalungu sawuxovula, saze sagqiba ekubeni masibe nento esiyenzayo ukuzama ukubanceda,” uthethe watsho uZokufa.

Waleke ngelithi baqale bolusa amakhwenkhwe angama 20. Uqhube wathi kulo nyaka baliphindaphindile elo nani ngoba boluse amakhwenkwe angama 41.

V LIYAQHUBA KWIKHASI LESINE

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.