Zikhala kophezulu iinkokheli

Imibutho yezopolitiko kuquka eyokuhlala, kunye nabezakwalizwi badibene kwibala laseSite C, kutshanje, ukukhalimela umoya wokubulawa kwabantu kula ndawo.


Imibutho yezopolitiko kuquka eyokuhlala, kunye nabezakwalizwi badibene kwibala laseSite C, kutshanje, ukukhalimela umoya wokubulawa kwabantu kula ndawo.

Oku kuza emva kweziganeko eziliqela ezixhomisa amehlo, nalapho kubulewe abantu ngokungenalusini.

Lo mthandazo, ngolweSithathu umhla wama 25 kuCanzibe, ubuququzelelwe sisigqeba sezenkolo, i Inter-faith Community Prayer ngabula marhanuga.

Sele ingabantu abangaphaya kwama 20 ababulewe ngokungenalusini kule ngingqi kwiziganeko ezahlukeneyo kwisithuba seenyanga ezimbalwa ezidlulileyo.

Ngokusingatha lo mthandazo, iinkokheli kunye nabefundisi banethemba lokuba ezi ziganeko zakutsho ziphele.

U-Gerald Nomlala, ophuma eKasi Angels, umbutho ongajonganga nzuzo, uthi bazama ukuza nenkqubo ezinokuncedisa ekulweni ubundlobongela kule ngingqi.

“I-Khayelitsha inamanxeba, yonzakele kwaye iyopha ndithetha nawe nje. Lo mthandazo ibiyenye yezinto zokuqala kwiinkqubo esifuna ukuzenza ezizama ukutshintsha imo yengqondo yolutsha lwaseKhayelitsha,” utshilo uNomlala.

Uqhube wathi basezakuza neenkqubo nalapho bazakuya ezikolweni, ezicaweni kunye nakwiindawo zentselo ukuncedisana nolutsha ukulwa ubundlobongela. “Lo mthandazo yinto yokuqala encedisana nathi ukuzama ukuthetha ngokukhululekileyo ngolwaphulomthetho. Sifuna ulutsha lungagaxeleki kubundlobongela, lukwazi ukuzinqanda kusengethuba lungadanga layinxalenye yobundlobongela,” utshilo uNomlala.

U-Nomlala uvakalise ukuba iKasi Angels ineenkqubo ezisibhozo ezilandelayo khon’ ukuze yenze umahluko ekuhlaleni. Enye yazo kukunikeza ngezihlangu kubantwana besikolo abaphuma kumakhaya asokolayo kuMzantsi Afrika uphela.

U-Nomlala uyichaze le mini njenge beyimpumelelo kakhulu, nanjengoko bekwazile ukudibanisa iinkokheli eziphuma nkalo-zonke, kwaye zathethe ngazwinye.

U-sihlalo weqoqo lezophuhliso eKhayelitsha uNdithini Tyhido uvakalise ukuba akhange babenamathandabuzo ngethuba bemenyelwa kule ndibano nanje ngoko ibingenanto yakwenza nezopolitiko.

“Okwethu ibikukuzakuxhasa lo mthandazo nanjengoko into yokubulawa kwabantu oluhlobo isichaphazela nathi. Sifuna ulutsha lubone ukuba sizinkokheli sime sonke kwaye siyazichasa sizibhekelisa kwiziganeko zokubulawa kwabantu ngokungenalusini ngoluhlobo kwenzeka ngalo,” utshilo uThyido.

U-Tyhido umemelele ekubeni ziphele ezi ziganeko zempalalo gazi, watsho ehlaba ikhwelo kwabe zomthetho ukuba benze unakonako ukuqinisekisa ukuba bonke abaphembeleli bezi ziganeko bayanqakulwa ukuze balale beqamele ngenqindi kwezimnyama izisele.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.