Simaxongo isimo kwisikolo sabantwana abanezidingo ezikhethekileyo saseKhayelitsha, iKhayelitsha Special School (KSS) ngabula marhanuga, ngenxa yokruthakruthwano phakathi kwabaqhubi zithuthi, abazali kunye nenqununu.
Ngokoothoba sikutyele, sele kuqengqeleke iiveki ezintathu kugquba impixwano kwesi sikolo, ntoleyo echaphazele kakhulu ukufunda nokufundisa.
Susela oko kuvulwe izikolo, ekuqaleni kwesiqingatha sesine sonyaka, abaqhubi abalugcwabevu ngumsindo bazibeke phantsi izitshixo ngelithi abaxolanga yindlela inqununu eyenza ngayo izinto.
Phakathi kokunye bakhala ngokuphungulelwa imivuzo kunye neebhasi ezingekho mgangathweni. Abaqhubi bathi imivuzo yabo yagungxulwa yaya kuhlala kuma R5 000 ngenyanga, kwaye noxa kunjalo kukho iinyanga abangazihlawulwayo. Imivuzo yabo yona imi ndawonye, logama amaxabiso ezinto ethe gqolo ukonyuka.
Ngapha koko izithuthi zezi sikolo zibeka ubomi babo kunye noba bafundi esichengeni. Bakwanxakame ngelithi inkoliso yezi zithuthi, nezifanele ukuthutha abafundi kwiindawo ezifana naseMfuleni, iHarare, iSite C kunye ne Makhaza phakathi kwezinye, azinaziqhobosi, logama ezinye zingarhafelwanga. Akuphelelanga apho, bakwagxibha baxabela inqununu yesikolo ngendlela eyenza ngayo izinto.
Kuthotho lwemiyalezo ethunyelelwe kwi City Vision ngonomyayi, nequka intlanganiso ebibanjwe ngabazali kunye nenqununu yesikolo ngoLwesibini umhla we 12 kweyeDwarha, abazali bakhwela bezehlela kwinqununu befuna iimpendulo mayela nokungathuthwa kwabantwana babo.
Olunye uthotho lwemiyalezo lolwentlanganiso ephakathi kwabaqhubi kunye nabazali ngoLwesibini umhla wama 24 kweyeDwarha.
Kule miyalezo abaqhubi batyhola inqununu yesikolo ngokungabi nankathalo kunye nokungahlawuli imivuzo yabo ngezinye iinyanga, nanto ethe yakhokelela ekubeni bazibeke phantsi izitshixo. “Asinamisebenzi isisigxina, ngamanye amaxesha asifumani naloo mivuzo,” ukhale ngelitshoyo omnye wabaqhubi.
Waleke ngelithi kudala bezama ukuyisombulula le nyewe nenqununu yesikolo, inzame zabo zife namthanyane. “Ngoku sicela inkxaso yenu bazali. Ngoku sidiniwe. Asivani kwaphela nenqununu. Ziliqela izinto esingavumelaniyo ngazo,” luhambisa lutsho olu shicilelo.
Kudliwano ndlebe ne City Vision omnye wabazali uNasi Shedi uthe abaxolanga kwaphela yimeko yesi sikolo, kwaye ichaphazela kakhulu ubomi babantwana babo.
“Le ngxaki kudala ikhona apha enyakeni, izinto zibembi kakhulu ekuqaleni kwale term. Abantwana abahamba ngee wheelchairs baneenyanga bengayi esikolweni kuba abathathwa. Sagqiba ekubeni masiye esikolweni sifuna ukudibana ne SGB (ngomhla we 12), wasalela ukuba sibonane nayo,” utshilo. “Ngoku xa siphinda sisiya (ngomhla wama 24) akakhange afune ukudibana nathi, suka wasibizela amapolisa.”
Lo mzali uthe ngenxa yokungahambi kakuhle kwezinto inkoliso yabazali imathidala ukuhlawula imali engama R200 ngenyanga ukuncedisana neendleko zokuthuthwa kwabantwana.
Ephawula ngale meko omnye umzali uthe kwisithuba seminyaka elithoba imeko yokuthuthwa kwabantwana kwesi sikolo iya ngokuba maxongo. “Zonke izithuthi zabo zindala. Ngamanye amaxesha zikhe zife apha phambi kwendlu yam, ndithandaze kophezulu ndimcele angenelele,” utshilo, ebalula le meko njenge beka icaphaza kuye kunye nomntwana wakhe. “Ezinye zazo ziviwa nazi zinja zizikhonkothe. Abantwana bayamhleka umntwana wam bathi uhamba nge guruguru.”
Ephawula ngesimo kwesi sikolo uBronagh Hammond, nosisithethi kwisebe lezemfundo ephondweni, uthe izityholo ezenziwe ngabaqhubi kunye nabazali ziphantsi kophando.
Udize ukuba kulo nyaka mali esi sikolo sibonelelwe ngesizumbulu semali engama R770 838.06, kuquka nama R20 000 kwinyanga yoMsintsi, ukuhlangabezana nemiceli mngeni yezothutho.
Le mali ayibandakanyi intlawulo yabazali yenyanga engama R200 nekukholeleka ukuba ingaphaya kwama R60 000 ngenyanga, njengoko esi sikolo sinabantwana abangaphaya kwama 400.
U-Hammond uqhube wathi esi sikolo sithe satyityinjiselwa umnwe ngenyanga yeSilimela ukuba siqinisekise ukuba zonke izinto zimi ngendlela mayela nokusetyenziswa kwemali kunye nezithuthi zabafundi.
Uqukumbele ngelithi isebe, libambisene nesikolo, lizakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abafundi bayancedakala, kwaye ixesha abathe baphulukana nalo lizakuqwalaselwa ngokukhethekileyo.