U-Ceba wakwa Wadi 86 uXolani Diniso uthi iphulo lokuthintela iizinambuzane neempuku lisemnyango kule ngingqi. umfanekiso: ngowabucala


Zizakudibana neembila zithutha iimpuku kunye nezinye izinambuzane ezithe tshitshilili kumaholo ommandla waseLwandle xa umasipala wesiXeko seKapa eqalisa ngephulo lokuzitshabalalisa.

Ngokweengxelo zabahlali, umbandela weempuku uthande ukuqatsela kule ngingqi, kwaye zenza umonakalo ongathethekiyo.

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhola ezi zinambuzane ngokubenzela impilo nzima. Logama amaxabiso okutya kunye nezinye izinto ethe gqolo ukonyuka, kuthiwa ezimpuku zidla zingahlawulanga nemdaka isenti. Ngaxeshanye zibangela umonakalo kwizinto ezinxitywayo.

Lo msebenzi kulindeleke uqale kungentsuku zatywala, kwaye kuyathenjwa ukuba uzakuza notshintsho kwiimeko zabahlali.

Logama le ngxaki iqatsele eLwandle, ingxelo zabasemagunyeni zidiza ukuba ikhona kwiindawo ezifana noLanga, iNyanga, iGugulethu kunye neBonteheuwel.

Lo bhubhane kulindeleke ukuba uqhutywe nakweziindawo zikhankanywe ngentla.

U-ceba kuWadi 86 uXolani Diniso uvakalise ukuba inkampani ezakuthi iqhube lo msebenzi sele ichongiwe. Kwaye lo msebenzi uzakuthi uqhutywe ebudeni bemini phakathi kwe 07:30 kunye nentsimbi yesi 17:00.

Le ndedeba ihambise yathi kuyinxaxheba yabo, beziinkokheli kuneye nesiXeko seKapa, ukuqinisekisa ukuba abantu bahlala kwiindawo ezingcono ukuze baphile ubomi obubhetele.

“Ingingqi yaseLwandle yindawo enomthamo omkhulu wabantu abahlala ndawoninye, ntoleyo ekhokhelela kungcoliseko olummandla. Sizinkokheli siyazama kangangoko ukuqubisana nongcoliseko oluthi lusiphathele ezinye ingxaki,” utshilo uDiniso.

“Ngenxa yobumdaka, uye ufumane ukuba iindawo ezi zifana namaholo ziyachatshazelwa kakhulu zizinambuzane ezifana neengcongconi, amaphela, kunye neempuku. Ezi mpuku zinobungozi kakhulu ngoba zimosha iimoto, izakhiwo, ngamanye amamxesha ziye zitye nabantwana,” ukhankanye oko uDiniso.

Ngaxeshanye uhlabe ikhwelo kuluntu ngobubanzi ukuba luthathe uxanduva ukuqinisekisa ucoceko kwiindawo eluhlala kuzo.

“Njengeenkokheli singenza kangangoko esinako kodwa noluntu kufuneka luthathe inxaxheba, kwaye lutshintshe indlela elenza ngayo izinto. Ndiyafuna ukuthi kwakubaluleka ukuba sibenawo namaphulo ajongene nkcakasana nezinto ezingqonge ucoceko ukuze uluntu lwazi iingozi ezibangelwa kukuhlala endaweni emdaka,” waleke ngelo okaDiniso.

Uqhube wathi uluntu kufuneka luyazi ukuba ukulahla nje izinto ezimdaka esidlangalaleni lulwaphulomthetho, kwaye nabani othe wafunyanwa esenza oko angohlwaywa i R1 000.

Lo msebenzi ucwangciswe ngale ndlela ilandelayo:

. Kuza kufakwa isithiyeli sokubulala amaphela ngaphakathi kwizakhiwo.

. Kuza kufakwa izithiyeli zokubulala iimpuku ngaphandle kwezakhiwo.

Unokontraka uya kufuna intsebenziswano yakho:

. Ukungena kwizakhiwo ukususela ngentsimbi yesibhozo 08:00 kusasa ukuya kweyesihlanu 17:00 emalanga. Kwaye abahlali kuya kufuneka bahlale bengaphakathi ngelixesha lokufuyumigeyitha (fumigation). Abantwana ababuya esikolweni abanakungena emakhayeni abo kwaye mabalungiselelwe ngeli xesha. Olu phazamiseko kulungiselelwe ukuba ibe lusuku olunye.

. Ukuthobela zonke iimfuno zokhuseleko ngokwemigaqo yezempilo nokhuseleko kwaye igqitywe kwangexesha.

. Qinisekisa ukuba abantwana bahlala kude kwindawo ekutshiselwa kuyo into ezimdaka.

Uluntu luyacelwa ukuba lusebenzisane nonokontraka kunye namagosa kamasipala

Ngeenkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelane ne-ofisi yezindlu yengingqi yakho kunye no-Ceba.

You need to be Logged In to leave a comment.