Zithi zilinde ngomdla iingcibi

Imibutho ejongene nesiko lolwaluko kweli leNtshona Koloni imanxadanxada nanje ngoko sele kuqalile ukungena kwamakhwenkwe.


Imibutho ejongene nesiko lolwaluko kweli leNtshona Koloni imanxadanxada nanje ngoko sele kuqalile ukungena kwamakhwenkwe.

Amalungu ale mibutho athi alindele amakhulukhulu amakhwenkwe, nathe abhaliselwa ukoluka, ukuba aqalise ukuthontelana kwiindawo ezahlukeneyo zephondo njenge nxalenye yeli siko.

Usihlalo we-Langa Embo Initiation, nengumbutho ojongene nolwaluko, uMandla Mlambo uthe baqule baligangatha. Uhambise wathi bathe baqhuba uqeqesho ukuqinisekisa ukuba iingcibi kunye namakhankatha ziwulungele lo msebenzi.

Ngaxeshanye ubalule ukubalukeka kwentsebenziswano phakathi kwabazali kunye nale mibutho.

“Asinavalo kwaye konke kuhamba ngendlela. Singumbutho sakwenza konke okusemandleni ukuba sigcine isidima sesiko lolwaluko sikhuselekile. Ususela kumhla wokuqala kweyeNkanga ukuzokuma ngoku sele sinamakhwenkwe angaphaya kwama 20 asele engenile,” uthethe watsho. Waleke ngelithi amasango asavuliwe kwabo bazali bafuna ukubhalisa oonyana babo. Rhoqo ngoLwesithathu ngentsimbi yesithandathu malanga bayabhalisa eGuga S’thebe. “Siyababongoza abazali base amakhwenkwe kwisebe lezempilo eVanguard Clinic bayokuhlolwa qho ngoLwesibini, Lwesithathu no Lwesine phakathi kwentsimbi yesixhenxe ukuya kuma kweyethoba kusasa,” ucacise watsho.

Umseki nokwangusihlalo weSomagwaza Institute uSikelela Zokufa uthe yonke into ime ngobume kwaye abanaxhala.

Uqhube wathi baqale ukufaka amakhwenkwe usukela ngomhla wokuqala kule nyanga sikuyo. “Ndithetha nawe nje sele eliqela amakhwenkwe angenileyo kwingingqi ezohlukeneyo usukela kwaLanga, Philippi kunye naseKhayelitsha. Oko ke siqalile akukabikho zikhwasilima,” uthethe watsho.

Waleke ngelithi angaphaya kwama 50 amakhankatha athe afumana uqeqesho olusemthethweni, watsho ebongoza abazali kunye nezalamane ukuba bohlukane nokuya notywala obophukayo ehlathini nanje ngoko buye bubenemiphumela emibi.

“Asibufuni utywala bomlungu ebakhwetheni ngoba busenzela iingxaki. Amaxesha amaninzi abantu xa beyokubona abakhwetha bayathanda ukuya neebhotile zotywala apho bafike baseze amakhankatha kuba besithi benza ububele. Aphele kwaloomakhankatha enxilile angawenzi umsebenzi wawo. Ukanti ngamanye amaxesha baseza kwa aba bakhwetha, ufumanise umntana woluke engaseli kodwa uphuma sele esela,” utshilo.

Categorised:

You need to be Logged In to leave a comment.