Bebephume ngobuninzi abazali baseNyanga kunye neengingqi eziyingqongileyo ngelokuzimasa intlanganiso ibiququzelelwa yimibutho ejongene nesiko lokwaluka.
Le mbizo, nebibanjelwe kwisikolo samabanga aphakamileyo iFezeka, eGugulethu, ibibizwe ngumbutho iSomagwaza Institute kwakunye neGugulethu Initiation Forum nge Cawe umhla wesibini kweyeDwarha.
Injongo zale ntlanganiso ibikukwazisa abazali ngemigaqo ekufuneka bayilandele xa besisa abantwana ehlathini.
Umseki kunye nosihlalo weSomagwaza Sikelela Zokufa uthe le ntlanganiso ibingamalungiselelo olwaluko lwasehlotyeni oluqala nge ngomhla wokuqala kwinyanga yeDwarha.
Uthe okubalulekileyo kukuba abazali baqinisekise ngempilo yamakhwenkwe aya esuthwini, isimilo samakhwenkwe, kunye nentsebenziswano phakathi kweengcibi, amakhankatha nabazali.
“Into ibingamandla ibikukwazisa abazali ngendima yabo abathi bayidlale xa kuzakungena inkwenkwe. Izinto ezinje ngokugcwalisa ifomu yesivumelwano ngolwaluko (consent form), ukusiwa komntwana kuhlolo lwempilo kunye nengxelo ngobume bomntwana,”uchaze watsho uZokufa.
Uqhube wathi beziinkokheli zemibutho ejongene nesiko lokwaluko iyabachulumancisa indlela abazali abathe baphuma ngayo ukuza kuzimasa le mbizo.
Uye wabongoza abazali ukuba bathumele abantwana kuhlolo lukagqirha, kwangaxesha bachonge iingcibi kunye namakhankatha, kananjalo bababhalise kwisigqeba sikaSomagwaza kunye neseGugulethu Initiation Forum.
Uthe ngoMgqibelo umhla we 17 kweyoMsintsi baqhuba uqeqesho (workshop) kunye namakhankatha begxile kumsebenzi wawo kwakunye neemfundiso ekufuneka zinikwe abakhwetha kwanendlela yokuziphatha ehlathini.
“Apho siye savumelana ngendlela yoziphatha ehlathini, nalapho siye saphelisa utywala besilungu ehlathini, iziyobisi, kwanamakhankatha azonxila ehlathini okanye abafana abazoselela ehlathini kuba bafundisa abakhwetha imikhuba,” utshilo uZokufa.
Waleke ngelithi eyona nto bayibeka phambili lukhuseleko labantwana ehlathini.
Umzali Mawabo Mafu uchaze le mbizo nje ngefundisayo. Uthe bengabazali bonelisekile yinkcazelo abathe bayifumana, kwaye bayazibophelela ukuba bazakuzama ngandlela zonke basebenzisane neenkokheli zabo. “Akakho umzali onqwenela ukuba umntwana wakhe angabuyi ehlathini okanye abuye elimele. Nathi singabazali siyazibophelela ukuba sizozama kangangoko ukuthetha nabantwana bethu phambi kokuba baye esuthwini ukuzama ukuboluleka ingqondo bangothuki xa befika phaya. Kwaye siyakhuthaza ukuba inga le mibutho ingathi gqolo ukuthetha nabantu, ingakumbi xa kusondele ixesha lolwaluko,” uvale ngelitshoyo uMafu.
Uzokufa ubongoze abazali abangakhange bakwazi ukuphumelela kule ntlanganiso ukuba bandwendwele i-ofisi yabo kwindawo yabantu abadala Ikhaya Loxolo Centre, NY 1 eGugulethu.