Belizele limi ngeembambo iholo le sikolo samabanga aphakamileyo iNtlanganiso, eSite C, ngoMgqibelo umhla wama 27 kweyoMqungu ngethuba kuzinyaswe umsitho woobhuti abatsha.
Ngokwenkcazelo yabaququzeleli balo msitho, injongo ibikuxhobisa amakrwala ngezinto ekufuneka ezilindele kwinqanaba lobudoda, nokubapha amazwi enkuthazo.
Lo msitho, nobuququzelelwe ngumbutho ofundisa amadoda ngendlela yokuziphatha iFather To Nation (FAN), ubukwazinyaswe ziinkosi zomthonyama kunye neenkokheli zasekuhlaleni.
Angaphaya kwama 50 amakrwala, naphuma kwiingiqqi ezahlukeneyo zaseKhayelitsha kwakunye nangaphandle, athe azimasa lo msitho.
Umncedisi wombutho uVictor Pike uchaze lo msitho nanje ngowokuqala kwemininzi ezakulandela. Uthe injongo yabo kukubonisa la makrwala indlela kwangoku esematsha.
U-Pike ufanise ubudoda nanje ngento engenasiphelo. “Abazuphinde bajike ngoku, bayakuhlala bengamadoda bade bayokungena engcwabeni. Yiyo lento kubalulekile ukuba sibaluleke kwangoku sibabonise indlela yokuziphatha.
“Abanye babo bakhuliswa ngoomama bodwa, abanabo ootata bokubanqwanqwada xa bephuma ecaleni. Singulombutho ke singena apho sincedisane neentsapho ezinjalo,” uthethe watsho uPike.
Waleke ngelithi enye yenjongo zabo kukuzama ukubalumkisa ngobungozi bokusebenzisa iziyobisi kunye negqabi lika lonji. Uqhube wathi abafana abaninzi bathi bakuba ngamadoda bazibone ngongathi bavumelekile ukwenza nantoni na.
Uvalelise ngelithi emva kwale ndibano wonke umntu obeyinxalenye yayo uye wanikwa isiqinisekiso sokuthabatha inxaxheba.
Inkosana yamaMpondo uSindile Sigcau uyalele amakralwa ukuba ohlukane nokuhamba edodisana esithubeni.
Uthe zikhona iindlela zokuzazisa xa ngaba ikhona imfuneko yoko. “Amakrwala mawohlukane nokurhuqela edakeni isiko lethu. Imbi into yokuva ukuba amakrwala ahlabene okanye alwile ngenxa yokuba bebedodisana,” uthethe watsho.
Waleke ngelithi ukuba ngaba umntu uyazazi ukuba uyindoda ayikho into ethi makahambe erhawula abanye abantu ebabuza ukuba ngamadoda na.
Elinye lamakrwama ebeliyinxalenye yale ndibano u-Aviwe Jonas, nohlala ko F eKhayelitsha, uthe ufunde lukhulu kule ntlanganiso ingakumbi intlonipho kunye nendlela yokuziphatha. Uthe kuluvuyo kuye ukukhuhlana umhlana kunye neenkosi ngexesha bezizokubayala. “Eyona nto ingamandla besifundiswa ngokuziphatha nokubanembeko. Kuthiwe xa uyindoda awenzi nje nantoni na uyazihlonipha wena siqu kunye nabantu ohlala nabo. Siye saxelelwa nangengozi yokusebenzisa iziyobisi notywala,” uthethe watsho uJonas.